Isizukulwana sethu sesona sinethamsanqa kodwa sikwanelishwa kwizizukulwana ezikhe zakho. Uninzi lwethu ngexa lengxushungxushu zaseSoweto, belusakhasa okanye lungekazalwa. Sithe xa siqala ukuthungulula, kwabe kusithiwa kukhululwa imibutho yezopolitiko, xa siqala ukuba ngathi siyabhadla, lunyulo lokuqala olungenamkhethe. Olu tshintsho ke luze nengxaki kuthi kuba sikhule sisazi ukuba kungekudala, nathi siza kuzinxulumanisa nemibutho elwela inkululeko khon' ukuze silwele ilizwe lethu. Kuthe kusakuthiwa sikhululekile, ingqondo zethu zabhideka kuba kaloku besingekayilindeli loo nto. Uqale apho ke umbhodamo, saswela izinto zokuchitha ixesha lethu. Kuthe kwakuba nje, sisakuyazi ukuba ipolisa alinalungelo lokukubamba nje nanini, sakuyazi into yokokuba sinamalungelo ekufanelwe ahlonitshwe, saqala ngoku saveza ubumbulu-makhasana bethu. Endaweni yentlanganiso zokuqulunqa ikamva lezwe lethu, kungene amagqugula okucumpayela ubucukubhede bokuba imali kumashishini asingqongileyo. Kuthe kwakuthiwa abazali nabafundisi-ntsapho mabayeke ukusiluleka xa sonile, saqala sayazi ukuba iindawo zentselo sikufanele ukungena kuzo.
Sizibhubhise ngokwethu, abazali bebukele bengazi ukuba yintoni
na amabayenze ukusisindisa. Ebethi umzali xa ezama ukukucebisa,
unyevule utshijile uxel' ixhego lemfene lihluth' amagontsi. Side
satsib' uPhungela ngokwakhe, ngokuyeka ukuwalindela emilanjeni amagqiyazana,
phofu ke imilambo iye yapheliswa bumini kwavela imibhobho yamanzi.
Kulula nje kwezi ntsuku ukubona umfana engena endlwini, kulontombi,
afike achophe kwesona sitofo-tofo isihlalo, ancokole nabazali bale
nzwakazi ngelixa inzwakazi iziqhola-qhola ilungiselela ukuba kuyiwe
kwantliziyo-ndise, nyawo (okanye moto) ndithwale. Uya kumva xa ephuma,
athi "ningandilindi, ndakubuya ngomso", ngelo xesha ushiy' usana
lweny' indoda lutshweda luyimhemhe kanozala onimba imamenemene.
Khawufan' ucinge, wakhe wayibona phi intombi engena emini kulomfana,
ngokunga le ntombi iza kuyo sele ilotyolwe yatyiswa notsiki? Kona,
sele uqinis' iziqa nje bhonyongondini usiya kungena kowabo kwentombazana
ongayisebenzelanga uthi uya phi? Nibona abazali besincamile nicinga
ukuba basikhululele? Nakancinci.
Ngangendlela esonakele ngayo isizukulwana sethu, uya kufika sijingisa
ingqinibana ezixwebileyo ezifestileni zemoto. Uthi xa ubuza ukuba
yekabani na le moto ihamba lo mgqutsuba, uve kusithiwa yekamama
kabani okanye usisi zipeqengeshe. Iya kuthi xa izithethelela ke
le nkewu, ithi ixhegwazana legusha lihlinzwa ngabafana. Usajonge
leyo, nantso intombi kanantsi mfondini, izibhija izibhenqa, izihlangu
zinesithende ingathi yinaliti, kunzima nokuhamba. Itsho nagamazipho
abhanya-bhanya nomlomo ingathi ngowesidumbu, andisathethi ngobuso,
ingathi lixhegwazana likamamlambo elitshiswe ngumthombothi. Uxakekile
ke usisi, uphethe iitasi eziliqela, xa ubuza ukuba ivela phi na
imali yokuthenga konke oko, uve kusithiwa ngula tata uhamba ngala
"G-string" (BMW 3 Series) imthubi. Xa ujonga eli xhego, ufika kwinto
enxiba ingathi kungona iziqondayo ukuba iyinkwenkw' endala. Kona
kona, esi sethu isizwe sonakele.
Kodwa ke xa sijonga kwicala elihle, yaphela into yokuba kuba ungumthsugula,
uya kuhlala kwindawo ethile, uya kufumana umngxengo wemfundo kwaye
awunakuba nabalingane okanye amaqabane olunye uhlanga. Esi sethu
isizukulwana, ukuba besiqiqa, sinesisele senyathi. Ulwazi namava
agcwele ayaphuphuma kwisizukulwana esiphambi kwethu. Besinokukhe
sikhe lukhulu kubo. Kwakhona, njengoko sinamalungelo esiwaphakamisela
phezulu, siye siqonda ukuba amalungelo ahamba noxanduva. Uninzi
lwethu luyazi ukuba lunoxanduva lokuzikhusela kwizinto ngezinto
ezinokutshabalalisa ikamva lethu. Esi sizukulwana sinawona mathuba
maninzi okuqaqamba agqame, ahlume, khon' ukuze iinguquko zokuphucula
izwe lethu kwakunye nezwekazi leAfrika ziphume kuthi. Sayeka ukuba
ngoonomgogwana bamathanga )colonies) ooBritane kwakunye nooMelika,
kutheni ke ngoko sivumela ukube senziwe amathanga ngokwasezingqondweni
(Psychological western indoctrination)? Igolide, isilivere, isinyithi,
idayimani kwakunye neoyile ziphuma kulo mhlaba waseAfrika. Umqhaphu,
ikofu kwakunye namanye amachiza afumaneka okanye atyaleka kuphela
kulo mhlaba weAfrika. Kungani ke ngoko singaphakami nje sibuyisele
oko kulilungelo kuthi ezandleni zethu? Lonto asiyi kuyenza ngezigalo
okanye ngobundladiya, koko sifanele sizimisele sifunde, siziphucule
ngokoqoqosho khon' ukuze sikwazi ukulawula sithathele kuthi uqoqosho
lwelizwe lethu.
Mandigqibelise ngelithi: "Ukuba ngaba singazimisela, sibambisane, kwaye sibuyele kumasiko nezithethe zethu, okuninzi okwenzekayo singakoyisela kwaye sikuphelise kungekade kusitshabalalise". Maze ke ngoko sizikis' ukuqiqa nokucinga, senze ngononophelo kwanobuchule, samkele ngondiliseko olukhulu, iinguquko ezizama ukusiphucula, ze zithi ezo zingayi kusakha, sizithathe sizilahle kwesinomhlwa".
|