Taaldebat - Language debateArgief
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Po?sie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.
Senior watch slim, Jaeger Le Coulter Masters Series must not replica watches miss. Jaeger Le Coulter's master series is swiss replica watches an entry - level series in the brand, but it replica watches sale also has a complex style to replica watches online the sky.

ISIMEMO SEZIMVO EZIBHALIWEYO!

Kucelwa amangenelo ezimvo ezibhaliweyo ekuza kuthethwa ngazo

kwiNkomfa
yeeLwimi eziNinzi kunye naMajelo eeNdaba


Eza kusindlekwa nguMbutho weeLwimi eziNinzi (i-MAG)
neTaakgroep vir die Bemagtiging van Afrikaans (Tabema)

Iinjongo yale nkomfa kukufumana abathabathi-nxaxheba kunye namaqela anomdla, asuka kwizifundiswa kananjalo nakoonondaba, ukuze kuqwalaslewe:

  • indlela iilwimi ezininzi ezingenza ngayo oonondaba ukuba baphucule indima yabo kuMzantsi Afrika wedemokrasi
  • indlela majelo eendaba angasetyenziswa ngayo ukuphuhlisa iilwimi ezininzi.

"AMajelo eeNdaba" asetyenziswe apha abhekisa kumajelo eendaba ekhompyutha kananjalo nalawo ashicilelayo, kuquka amaphephandaba neemagazini, i-intanethi, oonomathotholo kwanomabonakude.

  1. Imiba eza kuchatshazelwa kule nkomfa yile ilandelayo:
    • Ukunikezwa kwethuba lokuba ubani aqaqambe ngesakhono njengomntu ngolwimi lwakhe alukhethayo lilungelo lomntu elisisiseko ngokoMgaqo-siseko nayo yonke imithetho efanelekileyo.
    • Ngokwemigaqo yomthetho kwanekhowudi yawo yequmrhu iziko losasazo loluntu linyanzelekile ukuba lanelise iimfuno zolawimi nezenkcubeko zabaphulaphuli nababukeli.
    • UMzantsi Afrika unezixhobo zokusebenza zobuchwepheshe, ubungcali namava okufikelela okubonakalayo kweli lungelo likhankanywe ngentla apha.
    • Amajelo osasazo ohlobo lwekhompyutha naschicilelayo anendima ebalulekileyo ebonakalayo anokuyidlala ekusekweni koluntu lweelwimi ezininzi
    • Imiqobo engundoqo ziingcinga ezingezizo ezimayela neelwimi kuphuhliso loluntu, kwaye, njengoko kunjalo naphina ehlabathini, kukufakwa kwepolitiki kulwimi
    • Kukho imfuno yokujongana nale miba ngokwe-ajenda eza kuthi iqwalasele umiselo olusebenzayo ngokuchasene nokuthetha nje kuphela.

  2. I-ajenda yale nkomfa icetywayo iza kuquka izihloko ezinje ngezi zilandelayo:
    • Iinyani, intsomi neengcinga ezimayela neelwimi ezininzi kwihlabathi lilonke, ngaphandle kwezinye izinto xa kujongwa indleko yeelwimi ezininzi xa ithelekiswa nolwimi olunye, ngokubhekiselele ngqo kumajelo eendaba.
    • Iilwimi ezininzi nedemokrasi kuluntu oluphuhlayo: indima yamajelo eendaba (ukutsho oko ngokwembali nangokwesosiyoloji).
    • Usetyenziso oluhle nonxibelelwano olusebenzayo lweelwimi ngamajelo osasazo ekhompyutha nawoshicilelo.
    • Ubuchwepheshe neelwimi ezininzi: Yintoni enakho ukwenzeka ngokubonakalayo?
    • Amakhondo eelwimi anamjelo osasazo.
    • Ukudideka kulwimi neelwimi ezininzi.
    • Isenzo sentengiso kwanoxanduva olunikwe iziko losasazo lenkonzo yoluntu (oonomathotholo ne-TV) ngokubhekiselele kwiingxaki zezopolitiko ezinjengobungakanani xa buthelekiswa nomgangatho / usasazo lwegolonxa.
    • Amagalelo amajelo osasazo eentengiso ekuphakamiseni iilwimi ezininzi.
    • Amajelo osasazo ashicilelayo kwiilwimi zomthonyama / amajelo osasazo eelwimi ezininzi: okunokwenzeka nemicelamngeni.
    • Iilwimi ezininzi ne-intanethi.
    • Ukukhuthazwa kokufunda nokubhala kusasazo kwakunye nokwakha ukufunda, ukuphonononga nokumamela uluntu.
    • "Iilwimi zoqobo", iintetho zeengingqi neelwimi zoluntu kwingcinga yommandla neyehlabathi.
    • Amajelo osasazo njengemizekelo emihle kwisizwe seelwimi ezininzi.
    • Ulwimi namajelo osasazo njengabahlohli, ababoneleli bolwazi namaqonga eengxoxo.
    • "Imibuzo yolwimi yimibuzo yamagunya" (Noam Chomsky): amajelo njengabasebenzisi bolwimi kwanabanendima yezentlalo nopolitiko.

  3. Intathonxaxheba lolu luhlu lwabantu lulandelayo, phakathi kwabanye, iyacingwa:
    • Abameli bamajelo osasazo ashicilelayo nawekhompyutha (abahleli, iintatheli, iimanejala).
    • Abameli bee-arhente zikarhulumente anxulumene namajelo osasazo (ICASA, iSebe lezoNxibelelwano, iBhodi ye-SABC, njl.njl.).
    • Ababoneleli benkonzo ka-intanethi.
    • Abameli bee-arhente zolwimi zoluntu ezinjenge-PANSALB kunye neNkonzo yeSizwe yoLwimi.
    • Abameli boshishino lwezopapasho.
    • Amaqela aququzelela ulwimi nosasazo kwaneminye imibutho yoluntu.
    • Izifundiswa (iingcali zonxibelelwano, ezolwimi, ezesosiyoloji, ezembali, njlnjl).

  4. Le nkomfa iza kuqhutywa nguMbutho weeLwimi eziNinzi (i-MAG) ne-Tabema, ngenkxaso (ngaphandle kwabanye) kaHet Jan Marais Nationale Fonds, iTaalsekretariaat neNaspers. Abanye abanendima abayidlalayo kusasazo kwanamaqela anomdla nawo kuza kuthethwana nawo ngomcimbi wezemali.

  5. Usetyenziso lweenkonzo zotoliko, ngembono yenkomfa yeelwimi ezininzi, luza kwenziwa.

  6. Le nkomfa iza kubanjelwa kwiHolo iReitz, yeSebe loBunjineli kwiDyunivesithi yaseStellenbosch.

UKUBA UNOMBA ONGATHANDA UKUTHETHA NGAWO, NCEDA UTHUMELE ISICATSHULWA KULE DILESI INGEZANTSI.

Ukuba ufuna ulwazi oluthe vetshe, nxibelelana noNjing. JB (Koos) du Toit okanyeu Liesl van Kerwel kule nombolo yomnxeba 021- 808 2418, ifaksi 021-808 3556, okanye nge-imeyile: lek@sun.ac.za.

Qaphela
1. Ukuba ufuna ulwazi oluthe vetshe nge-MAG ne-Tabema, tyelela kule webhsayithi: www.imag.org.za.


  • Click here for the English version
  • Klik hier vir die Afrikaanse weergawe



    LitNet: 15 September 2004

    Have your say! To comment on this piece write to webvoet@litnet.co.za, and become a part of our interactive opinion page.

    Wil jy reageer op hierdie artikel? Stuur kommentaar na webvoet@litnet.co.za om die gesprek verder te voer op SêNet, ons interaktiewe meningsruimte.

    boontoe


  • © Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.