![]() |
![]() |
![]() ![]() |
![]() |
|
![]() |
![]() Intetho kumsitho wokwaziswa kwe-MAG (umbutho wokusetyenziswa kweelwimi ezininzi eMzantsi Afrika) ngomhla wama-21 ku-Agasti 2003 kwaLanga, eKapa.ngu M.W.Jadezweni Dept of African Languages University of Stellenbosch Stellenbosch Republic of South Africa Ifoni:+27 21 8082106 Email: mwj@sun.ac.za Intshayelelo Phambi kokungena emxholweni wentetho endimele ukuyenza ndingaba andenzanga nto ukuba andinakwenza mazwi akhethekileyo kwiindwendwe zethu ezihloniphekileyo ezisuka kude. Ndinenyhweba yokwamkela kulo msitho abaxhasi be-MAG: unjingalwazi Cynthia Marivate osuka kwa-PANSALB eRhawutini nonkosikazi Elinor Sisulu ongumbhali otshatsheleyo. Kugqirha Nomso Mgijima osuka kwa-DAC ePitoli noyintloko yeCandelo leeNkonzo zeeLwimi sithi wamkelekile kulo msitho. Abafundi naye wonke umntu olapha siyi-MAG siyanamkela. Ndiyathemba niza kuba nexesha elimyoli nelinenzuzo kulo msitho. I-MAG Oku kulingana kokusetyenziswa kweelwimi kungenzeka njani? Ukuba kuzo zonke iinkalo zobomi boluntu lwaseMzantsi Afrika bonke abantu bangazisebenzisa iilwimi zabo oku kulingana singakusungula. Loo nto ingadala ukuzingca komntu ngamnye ngolwimi lwakhe. Eyona nzuzo imandla kukuba omnye nomnye angatsho athakazelele ukufunda ulwimi lomnye. Oku kufunda iilwimi omnye efunda ulwimi lomnye kungakhokelela ekwazaneni nasekuqondaneni okongezelelekileyo. Omnye nomnye angamhlonipha ngakumbi omnye. Ngale ndlela kungatsho kube kho ukunxibelelana okongezelelekileyo kuba zona iilwimi ziyabambana ngabantu abaxhwithanayo njengoko esitsho uGagiano (2003:9) “The languages hold hands; it is only people who punch one another’s noses or pull one another’s hair; who bully and butcher one another.” (Literature as a mode of knowing: Reading and writing the world in English. Inaugural address by Prof Annie Gagiano July 2003). I-MAG iyakungqina oku kuba lo mbutho uyazi ukuba ngeelwimi singakha isizwe esiluqilima. Abaxhasi (Patrons) Amalungu e-MAG African Languages Practitioners’ Forum (ALPF) Olu ludwe ngokucacileyo lubonakalisa inkxaso yombono we-MAG. Indima esele siyihambile Kutshanje iqumrhu losasazo i-SABC limeme izimvo kuluntu jikelele. I-MAG ingenise uxwebhu olubanzi ivelisa izimvo zayo ngokusetyenziswa kolwimi kumabonwakude waseMzantsi Afrika. Eyona nto ibe phambili kwezi zimvo ibe kukungabonelelwa kweelwimi ezazicinezelekile ngaphambili. I-MAG ayithandabuzi ukuba i-TV lijelo elingenza imihlola ekukhuliseni iilwimi ngako oko abalawuli bayakhondozwa ukuba basixhase kulo mbono. Siqinisekile izimvo ze-MAG ziza kusiwa iliso kwa-SABC. La manyathelo ngamanyathelo akhangeleka emancinane kodwa ukuba ungacinga ngamazwi oosomajukujuku u-Apollo 11, “One small step and a giant leap” ungafakela nje amagama athi,”for MAG”. Zindwendwe ezihloniphekileyo, manene namanenekazi i-MAG izimisele ukuba yenze imitsi ebonakalayo kumbandela wolwimi. Kwilixa elizayo Andithandabuzi ukuba uninzi lweendwendwe ezilapha zithi, “Akwaba bendikwazi ukuthetha isiXhosa, isi-Afrikansi, isiNgesi, intetho yezandla”. Namhlanje ndiqinisekile loo nyaniso siza kuyibona kwaye iza kusitshutshisa kuba “If you talk to a man in a language he understands, that goes to his head. Utsho uGqr uNelson Mandela njengoko ecatshulwe kwi-Cape Argus Julayi 17, 2003 iphepha 4 le-Icon. Kubaxhasi (sponsors) bethu ndinqwenela ukunkqonkqoza kwangoku ndisithi ningothuki xa sisondela kuni sinimemela ekusebenzisaneni nathi kweli phulo lokusebenzisa iilwimi ezininzi. Kumaziko namashishini amaninzi sicela inkxaso kweli phulo le-MAG. Siyazi ukuba uninzi lwamashishini namaziko amaninzi achaphazeleka kakhulu lulwimi. Ukuba amashishini namaziko ezempilo (ukwenza umzekelo) amaninzi angayithathela ingqalelo enkulu le nto, ezinye iziganeko ezehla kula maziko zingancipha. Uyavuth’umlilo Ukuphetha
|
|||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||
© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf. |