Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President
In his poem, “Ubomi ngumzamo” Zantsi encourages the youth to face the difficulties in life and forge ahead with the good they are doing. His message is that life is not easy.


Ubomi ngumzamo

Bulelani Zantsi


Ha-a-anewu! Bantwana bendl’emnyama!
Indab’inendodadan’uyis’akanatyala
Inyath’ibuzwa kwabaphambili mlisela
Intlw’ayibanjwa ngentlok’isavela mthinjana
Inxeba lendod’alihlekwa makwedini
Ukant’umzondo awuziva kunuka
Kowu! Ubud’abuphangwa

Ubomi ngumzamo zintsengucandini
Le nt’imandund’abantu bakhala ngayo
Le nt’ubom ngamahla-ndinyuka
Awu! kazi ziyintoni n’izinongo zobom?
Liqhosh’elingenantunja neziyunguma na
Luxolo likratshi zintshutshiso kusini na
Kha nibhentsise nani mawethu

Kuni milonde ndicel’umhlahla-ndlela
Kuni manyange kha kenivul’izisesele
Sidimbaz’ulonwabo sicondobe kuhle
Kalok’umazi wendlela ngoseke wayihamba
Ngathi thina sibethwe ngemf’iphindiwe
Konakele phi na mz’oNtsundu

Ndathi ndenz’amabona-ndenzile
Suk’umntu oNtsund’andimbel’ingcwaba ndiphila
Kowu le nt’iliso yintoni na kodwa
Ngenen’umon’uqal’esweni

Athi ke mna mntwana womgquba
Ikhab’oyisengayo malawundini!
Ehambayo ziyayikhonkoth’emileyo ziyayichamela
Zingce ngobuwena lawundini
Zikis’ukucing’uland’ingcombolo ngendlel’oyihambileyo

Maze ninganikezeli bantwana be-Afrika
Apho kukhon’iphupha ikhon’indlela
Ilitye liyanyibilika ngamanzi
Zeniqule niligangath’amabhetyebhety’akamelani neenzingo
Ingw’idla ngamabala mz’oNtsudu
Iiyawo ziyapha iimpundu ziyavimba
Le nt’ubom’ayinantloni
Ze ningathi nqa int’embi yehl’emntwini
Zikisa-a-an’ukucinga mathol’oonyawo zabezolo
          Ndee-e-e ncincilili!

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.