Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Poem by Z.M.J. Vukani


Khanyolwethu, Strand, Western Cape, South Africa

Z.M.J.Vukani is in class 11C in Khanyolwethu, Strand. His poem, which is quite a strong warning to the youth of today who take individuality and independence to extremes, was inspired by the recent Teachers’ Conference held at Stellenbosch in September 2000. Mhlobo Jadezweni, lecturer at Stellenbosch University sent this poem to Isikhundla on Vukani’s behalf. This is indeed quite a powerful poem advocating good values.

uzenzil’akakhalelwa

Iwu-u-u!!
Mamelani maXhos’asemaXhoseni,
Thulani nizol’okweegusha,
Bekan’iindlebe zintombi nani boonyana,
Ewe yithani cwaka,
Kub’uza kutheth’umzukulwana wamaXhego,
Akaz’ukubeth’ebuyelel’okwezulu laseMthatha.
Ewe kambe uZenzil’akakhalelwa,
Atsho won’amaXhosa
Ath’uZenzil’akakhalelwa,
Lutsha lwakowethu bekan’iindlebe,
Musan’ukuphazanyiswa yimpucuko
Kuba yona yeyaseNtshona.
Ewe ndiyavuma,
Ningandivi kakubi
Andithi ndiyacula, andilociko
Koko ndithi ndiyavuma
Xa nisithi uBomi bobenu,
Ngoko ke ninelungelo lokuzikhethela,
Kodwa zimamelen’iingcebiso zabakhulu.
Ewe kambe kungcon’ukuzikhalela
Kunokukhalel’omnye umntu,
Kodwa ungajong’iphambil’uxel’imeyile,
Zimamelen’iziyalo,
Mandulo phaya-a-a! ebengatheth’agqibel’umntwana,
Bekuqala kugqibel’umzali,
Ewe ke kambe nithi kwakukudala ngoko.
Iindidi zobufana zine
Likhon’inqanaba lobukhwenkwe,
Apho ke lulonwabo, kuba wenza nje,
Likhon’elobukhwetha,
Likhon’elobukrwala
Xa usangen’ebudodeni,
Kodw’elinzima lelokuthath’umfazi
Apho ke kufunek’indod’iqiqe.
Ingaqhiyazi, ingangqiyazi
Kuba kaloku umfazi asiyondlwan’iyanetha,
Gxebe, ukuthath’umfazi asiyondlwan’iyanetha,
Kufunek’indod’ivul’amehl’okwesikhov’eGwadana,
Iindleb’izinweb’okomvundl’ubalek’izinja,
Ingaqwalaseli phambil’ixel’imeyil’itsal’umthwalo,
Ingath’ithath’umfazi, kant’izikhanda ngenyhek’etyeni.
Le nt’umntu ngumntu ngezenzo,
Ungancam’ikhaya ngenxa yokuthand’ubuhle,
Kaloku isimilo asikokumila kakuhle,
Ungathath’ingcuk’eyombeth’ufele lwegusha uyifak’ebuhlanti,
Kuba kaloku uya kub’ubulal’iigusha.
Kalok’umntu ngumntu ngobuntu bakhe,
Ubuntu yeyona ntsika yomntu.
Ewe ke kambe ndiyazi,
Xa uya kuzingela
Awaz’ukub’uza kubamb’eyiph’inyamakazi,
Usenokubamb’iqaqa, kant’ubufun’impunzi,
Uza kuba sathini ke uza kulilahla?
Ewe, mna ndingalilahla
Kuba liyanuka,
Andifun’ukunukisel’abasekhayeni.
Ewe ke wena ungaxolel’ukulityel’endle,
Uxolel’ukuhlal’apho kuba inyam’uyayithanda,
Suka litshon’ilanga kub’alilindanga wena,
Uqale ngok’untanya-ntanyaze
Kuba kalok’ayikh’indawo yokulala
Ucing’emv’ekhaya,
Ulibal’ukub’inyam’ubuyitya wedwa,
Ulibal’ukuba abazal’ububanyevulela.
Ewe ke kambe sonke siyavuma,
X’ath’amaXhos’uzenzil’akakhalelwa,
“Hay’inkosikazi yam ayifunw’ekhaya,”
Kuba kaloku nina ninamakhosikazi,
Hayi, abafazi baphela,
Xa besith’abazali akanasimilo,
Uthi hayi abamfun’umkam.
Suk’amathunz’anab’ulibele ngamapuco,
Uphangele kuphel’izihlangu,
Imal’ungayibon’iphelele phants’okwentuku,
Abesith’unkosikazi ufuna le naleya-a!
Ziqale zibuy’iingcinga,
Uth’akwaba ndandazile,
Akwaba ndandimvil’umama notata,
Libe lon’ilanga likutshonele,
Ndiyekeni ndithu vu-vuthe! Ndithi vovololo!!!

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.