Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Umfu. PT Mtuze (Indwalutho)*

Sylvester Ngqongqwana

Yingqay' ephuphumayo lulwazi,
Ngumphand' ozele yingqiqo nenkcubeko,
Liselw' elinemihlisela yengqak' entubululu yobuchwephesha,
Yinzululwaz' exhakazel' izidanga,
Isithwala-ndwe esithweswa mihla le,
Khona kutsaz' iingcungcu zona zimilomo mide.

NguMfundisi kuMaTshetsh' emishini kwaDimbaza,
NguMhlol' ohlonitshway' esiXhosen' eRhini,
Nabebanga leshumi basawaz' amazinyo akhe.
Bamvumil' eUNISA ePitoli,
Njengomcubunguli nengcaphephe yesiXhosa,
NoSatyo uyabaz' ubungqindilili bengqam yolwimi lwakhe.

NguMnquma ukomelela,
uMthathi ngokuthandwa ngezangotshe zakhe,
uMsenge ngokuqin' emasikweni nakwizithethe,
iHlamvu lokwandlal' imibandel' enobuzaza yolwim' olusisulungekileyo,
iSundu elincamis' umxhelo kuhlang' oluNtsundu,
NguMtuze indwalutho nesixhakaxhaka sakwaXhosa.

Mna ndiyabulela Ngqolomsila,
Ndibulela Sophitsho ngendyebo engangundiyo,
Oyityal' esizweni esintetho isisiXhosa,
Ukuz' ulwimi lwamaNyange lungabhangi,
Kakade, isizw' esingenamv' asinamphambili.

Ndibamba ngazibini "Vela belungis' ukuhlala",
Ngolwimi lwakh' olubucwamburha ukungcwenga,
Ngezangotshe zakho zokuthetha nokunaba ngosiba,
Izinwe, amaqhalo nezaci zakho;
Namagqabaz' oman' ukubinza ngawo kwaNtu,
Asisiseko esiluqilima sexesh' elizayo.

Ndikuthanda x' uyal' uMazulwandile,
Kanye kuwo uMyolelo wodumo,
Kuloo ngub' irhwexayo yobuhlwempu,
Umetyiso nawo ujonge ezantsi,
Ikati nayo ilele eziko
.

Usith' ayigcin' ayikokose imfundo,
"Kodwa nembol' ebomv' inexabiso",
kakad' inyath' ibuzwa kwabaphambili.



* Mtuze is a prolific IsiXhosa writer and a Priest in the Anglican Church. This poem centres around his ministerial functions. He taught IsiXhosa at UNISA and at Rhodes University in Grahamstown. He is presently Deputy Registrar at Rhodes University.


Proofreading by Mhlobo Jadezweni




LitNet: 18 October 2005

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.