Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Ndivoteleni

Isaac Ntabankulu

Lixesha elinzima kwabezopolitiko
Behla benyuka befuna le ntombi
Balala beguqile kufunwa le ntombi
Kumathuba akudala ibinokuphehlelwa ibhekile
Ndithetha ngale ntombi, uNdivoteleni

Kutyelelwa namatyotyombe
Noko engaxabisekanga intombi elapha ixatyisiwe
Mhla kufunwa yona kuyalityalwa ngobumdaka obulapho
Kwakhiwe izindlu ngemilomo
Neendlela zilungiswe ngemilomo
Bashiywe bonwabile benethemba

Neelali aziludingi olu tyelelo
Noxa abantu abahlala kuzo bejongelwe phantsi
Namhlanje banikw’ iwonga lokubaphezulu
Baditshelwe zinkomo balinyelwe masimi
Kulungiswe iindlela kwakhiwe izikolo neeklinikhi
Bashiywe bonwabile benethemba

Neelwimi zesiNtu ziyavuka ekufeni zixatyiswe
Kube lapha ukuphuhliswa kwazo
Kube lapha ukufundiswa kwazo
Siman’ukothuka besingamazi ukuba usenolwazi
Siqhel’ ukumva engene nzulu kolu lwabancedi
Namhlanj’ ubuyel’ ekhaya ufuna le ntombi
Intombi enguNdivoteleni

OoCekis’ imbola babuya bayiqabe
Kulityalwe ngobuhedeni nobumnyama
Izinto esaziva ngekomkhulu lethu iBrithani
Ngalo lonke elo xesha kulaliswa le gusha
Ikwazi ukuchetywa kufunyanwe uboya bayo

Wonk’ umntu ngum-Afrika ngezi mini
Ubumnyama bayo buyalityalwa
Nekhay’ elikhulu iMelika ibekw’ ibala
Ngalo lonke elo xesha kuzanywa le ntombi

Neenkonzo eziqalwe yimidaka zifumana amalungu amatsha
Akezanga kukhonza ananjongo zimbi
Azokuziveva kumalungu aloo mabandla
Nebala abekwa lona liyacinywa okomzuzwana
Ngalo lonke elo xesha kuphinyiswa le ntombi

Yhe ha ke Bhuti!
Kutheni ungenanyani nje?
Ngokuya wawuthe,
Uzakundithengela itreyini nesipolo sayo
Uxolo ntombazana,
Ndandingayoleli
Ibhalwe ngu Isaac Ntabankulu



About the poem:
This poem is about politicians trying to woo people to vote for them. They promise them houses and even visit them at the shacks, because they want their votes.
In the last line he says please keep the promise you made.




LitNet: 8 June 2004

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.