Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President
Zoleka Mbovane’s poem is written specifically for her father whom she misses very much. Her father has written her a poem published in Imbong’ ijong’ exhantini, and now her poem is a response to that.

Ukuba Uyandithanda

NguZoleka Mbovane

Ndihlala endlwaneni ekunga yeyeenkukhu
Abagqithayo bathi sisigqubu seenkumbi
Imile phezu kwedama elimanz’ aluhlaza
Ebusuku iyavalwa, phofu ngetyali
Abaninzi bayibiz’ ityotyombe
Mna ndiyibiz’ ikhaya
Ukuba uyandithanda, uphi na
Ungandifakel’ oku kocango nje?

Ndinesibhono esikhulu esigqobhoz’ ilokhwe
Sithi sakulamba kuphithizel’ abantu
Nditya isonka esidal’ esiceliweyo
Ndilumela ngemiqolo kafish’ egcadiweyo
Amathamb’ ayandixaba, nesonka siyandoma
Amehlo ayantywizisa, neli dama liyanuka
Ukuba uyandithanda, uphi na
Ungandithengel’ oku kobisi nje?

Ndiqalisa amabanga aphantsi
Uyafika undinquml’ ingqith’ uyaphind’ uyaduka
Ndiyazibuz’ ukub’ ungubani na
Le nt’ unesibindi sokundophis’ intliziyo
Undophise nomnwe undityekeze
Bath’ abantu unguSophitsho uYem-yem
Yiloo nto undishiya uyazaz’ ukuba unguNgqolomsila
Lo msila wakho uza kundikhulis’ undondle, undifundise
Futhi undiphulul’ amanxeba

Ndiyagqiba amabang’ aphezulu
Uyafik’ ujingis’ inqatha ngasemlonyeni wam
Nako uyaphind’ uyanyamalala
Iyakhal’ intliziyo yam, umoya wam unomsindo
Umphefumlo wam ulihlwili ingqond’ inemibuzo
Ingaba ungubani na le nto umana unyola
Izilonda zam wakugqib’ uduke
Uyandithanda?

Uyaphendula, phofu ngombongo
Uth’uyandithanda futh’ uyandikhumbula
Uthi ndiligazi lakh’ umafungwashe wakho
Uthi ud’ unesitulwana sam
Nako ndizisondeza phantse ndonke
Ndiyakubhalel’ awuphenduli
Ndiyakukhwaz’ awusabeli
Usandithanda? Nditsho wena tata

Ukuba uyandithanda,
Kutheni ndinenzondo nenqala
Kutheni ndikubone imizuzu elishumi ebomini bam
Kutheni ungakuva ukungcungcutheka kwentliziyo yam
Kutheni ndinomsindo
Yintoni ndikulangazelela kangaka,
Ngokunga andinaye utat’ onenkathalo
Kutheni ndifuna ukukrazula esikrakra isikhalo
Awuvakalelwa na xa ndingasabonw’ ekuhlaleni
Kutheni undizonda kangaka nje

Ndandiyimpazamo ngoko, akusandamkeli na
Ukuba uyandithanda, kutheni ungayiv’ intliziyo yam
Xa isithi iyakuthanda
Inye into endiyicelayo kuwe
Hayi asimali
Yincoko yemizuzu engamashumi amabini anambini
Ndotsho ndiphefumle
Ndibindekile.

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.