Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Imbumba MaAfrika -

le

Nkulungwane Yeyethu

nguKaya Somgqeza

(Brussels)

2004

Isikhalo sikaNomzamo Mandela

Kaya Somgqeza

Xa lo mhlab’ uzamazama
Iintliziyo zidandathekile zineentanda
Sothi ke siqwalasele ngasempumalanga
Siqhway’ iingqondo sizikise nokucinga

Siqaphela qatha intsusa kandonakele
Sitsho ngazwilinye konakel’ ephi na

Besingekho sonke na emzabalazweni?
Ngeenjongo zokuhlangula iAfrika
Sirhubuluza ngaphantsi kweenzima
Sidele nentsunguzi yobumnyama
Sizijul’ ijacu singenaxhala lokufa

Besingekho sonke na emithandazweni?
Sikhuthuka namadolo mihla nezolo
Siphalaz’ intlungu yentlalo yentlupheko
Besingekho sonke na ezimbizweni
Siqinis’ amanqindi siqulathe nethemba

Ewe namhlanje singabemi bokwenene
Kodwa namagingxigingxi sisawembethe
Amahlandinyuka yintlalo yasebomini
Kodwa hay’ inkxwaleko phantsi kwenkululeko
Ibangel’ ixhala kude kudandatheke nemiphefumlo

Mhla sanyathela ngonyawo lwemfene
Mhla sonakala mhla sawuphos’ umhlola
Mhla sayaculana mhla sahlazeka sayintlekisa
Mhla sakruquka yinyaniso mhla senyeliswa
Yiyo ke le nto ndisithi masibeluqilima lwenyaniso

Ndithi kuni masimile kwintembeko yomanyano
Ndithi kuni masizike kwinzonzobila yobumbano
Ndithi kuni masizinze kwimizamo yophuhliso
Ndithi kuni masiqinise lo mqokozo wenguquko
Ndisatsho masimanyaneni kweli thuba lebuyambo

Yinina ke ntozakuthi sesigoduka!
Yinina ke madelakufa sesiza kufika!
Yinina zithwalandwe khomban’ indlela!
Yinina ke le ntlekisa yeyantlukwano!
Yinina ke le ntlekisa yokugxavulana!
De kuxhwithwane ngoxhong’ ongenamongo.
Hayi, hayi, hayi, thoban’ umoya ntozoobawo.

Poem edited by Mhlobo Jadezweni


LitNet: 14 March 2006

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.