Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Poem on Nomenti:

Elokugxwal’ emswaneni ngoNomenti

MW Jadezweni

Lo nguNorman kaNgcongolo wakwaLanga, eKapa. Wayesaya kuba ngumsasazi kwiziko lesiXhosa eQonce, ngoko. Lo mbongo usekelwe kwintetho eyasasazwa emoyeni ngelokugxwala emswaneni ngokushiywa leli gorha. Le ntetho yasasazwa kunomathotholo weziko losasazo lesiXhosa eBhayi ngomhla wo-1 kuOkthobha wowe-1993 ngentsimbi yama20:15.

Intw’ enkulu esaz’ umhluz’ isiXhosa nezayo.
Ndimalame eNtshona Koloni, eKapa.
Ngelo thuba sendisidl’ inyama,
UBhayi lo sel’ ebongisela kade.
Zisuka undithembise ngogqonts’ entloko ukub’ andiphaphanga.
Qhula lakwabani!
Iyolisa lokwenene!
Kube ngasa wabongisel’ uBhay’ omhle.
Iponi mfondini!
Uyathandwa lo mntu,
Ethandeka kubo bonk’ abaneendlebe.
Sithene gaga kowezemfundo phay’ eGugulethu.
Mntu lo lichule kuba nank’ etyibel’ uVilakaz’ emqhamaqham’
     emdibanisa nabakubo.
Uyabaz’ abeNguni!
Injalo ke imbongi.
Uyazaz’ iinkosi!
Injalo ke imbongi.
Uyazaz’ izizwe nemilibo yazo.
UPhalo umaz’ ukusuka nokuhlala.
Ingoma nomngqungqo kaNtu zisegazini.
Ziko lesiXhosa,
Ngxatsho ke!
Ukhe wabhula ngehlahla kwelakub’ eCiskei,
NaseTranskei wazikhobokisa.
Bamdidimba noko.
Iimbalo nemizila zihleli.
Ndiyabazond’ abahleli nabapapashi!
Yini ngesihikahika esingaka!
Igalelo elingaka!
Amabhenqa!
Ndikhe nde ntla lingana lakhe lingephi, ngabula mabhenqa
Xa ndinihlomlisa maweth’ uth’ uNomenti:
“Nina zizwe zamaGcaleka nizel’ ilizwe
Xhentsani ke ngoko kub’ iminyaka mithandathu
Ncedani nandlal’ ugaga lwempofu
Ngoba kaloku yingub’ enik’ ubukhos’ isidima
Son’ esikhul’ isidima sinesithozela
Ngoba kalok’ isithozela sidal’ isihomo.”
(Kuyemithandathu sisafunze phambili)
Koonyawontle eli rharha lithi:
Dabula thandaza kunyibilik’ amadwala
Yamkel’ ufefe Mahlasela sigoduke.
(Iziganeko zenkululeko eTranskei)
Yolisa lakwabani!
Uxelenge ngamaxesh’ anzima
Amaxesh’ oxinzelelo
Kodwa ubumbongi baqandusela
Ayibotshwa, iyazibopha.

  • Izihloko zezibongo ekucatshulwe kuzo nazo zikwizibiyeli.

Nina bakwaBhayi, maVundle, booKhetsha sithi thina bakubo, “Ngxe! Akuhlanga lungehlanga.”

Sakumkhumbula ngezi ndlela zokuvala izibongo:

* Nde-e-e gram!
* Ndetshobolo-lo-lo!
* Nci-nci-li-i-li!
* Uyayigongotha
* Ndatsho nde-e-ntshobo-lo-lo-oo!
* A! Jongilizwe! (Isikhahlelo)
* Nde-e-qa-ka-tha, Qakatha, Nde-vu-upu!
* Enkosi!

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.