Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

AA! MADIBA

Isaac Ntabankulu

Lo mhlaba waseQunu wasidalela
Kwatsho kwavela amabhunga amahle
Masiwenzele ekhusini madoda
Mhla sabhaqwa lifil’ ilizwe
Impumelelo yawo ndiyayibona mna
Ewe, kambe ide yabonwa nasithi

Lithole elaliphawulelwe abaThembu
Lasuka laziphawulela izizwe
Nditsho naphesheya kolwandle liyaziwa
Ewe maan — vuma
Kuba ubonile, nangoku kunjalo

Yingcongolo emile kumhlaba oyinkqantosi
Kuba inanjongo zimbi
Ayibaweli kuphila ngamanzi amlambo
Zikhona izityalo kuwe nkqantosi
Yetheni le ibingenakumila?

Mnenga mni na lo uqubha ezadungeni?
Unyamezele ukuphaxulwa ngamasele
Ukrwentshwe nangoononkala
Ndiwabonile amakhwenkwana egibisela
Yasuka yathula le nto yangathi ayivanga nto

Sadunge sini na esi ukuso mnengandini?
Esingafumani manzi amfula namlambo
Siqunywe nje ziimfefe zoMdali
Ngoba mhla athobe ithontsi siyazuza

Nali iDiba elasidibela iziziba
Ziziba zini na ezo ingezizo ezeApartheid
Lo mntu uthetha nje akoyiki nto
Lo mntu uthetha nje akathengi ndolala phi
Embi imbi ke akacengi

Lo mhlaba uvana nooGqwethizinto
Ubagcina bade bakhokhobe
Lo mhlaba ubathiyile ooZamukulungisa
Ubabizela kuwo beseza kakuhle
Ingaba usinde njani na wena Dib’ omde?

Bathi akakho ofana naye nam nditsho
Bangaphi abanokuncama ubumnandi beli lizwe?
Bajonge emva sebephambili ngabula bona
Ngubani onokujolela abanye ejolelwe?
Inene akakho ofana naye

Ziphi n’ iintombi zalo mzi
Zimenzel’ iintsimbi anxibe
Lo mfo uyakholwa yingoma ningamlibali
Nimombelele ezentlombe axhentse
Bakhona oomama abazaziyo bazakunifundisa

Mandikuyeke sangxa sindanda noonondlwana
Singajonge kubanqwamza
Simana ukubakhusela kukhetshe
Mandikuyeke dada lidada kwizadungana

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.