![]() |
![]() |
![]() |
![]() |
|
![]() |
![]()
PoetryDaluxolo HohoDaluxolo Hoho’s long poem, IAfrik’ entsha is about the events surrounding the release of Mandela from prison. Here the poet recounts the efforts of the ANC to achieve freedom until De Klerk gave them the opportunity to return to the country and help in the formation of a legitimate government. Then he recalls the negotiations and how the negotiating parties were almost frustrated by the indecision of the government. Leaders like Madiba and Makwethu showed their worth by keeping the negotiations on track. The second long poem, also by Hoho, titled Phaphamani warns against the spilling of blood. He mentions the massacre at Bisho as an example. He appeals to leaders like Gqozo and asks for rationality. He warns against black-on-black violence, and points out that black people are making themselves a laughing stock. The poem titled Umama wam is written in praise of the poet’s mother. Through his mother he praises African women generally and regards them as the mothers of the nation. He mentions the women’s prayers which stopped the mines from collapsing, and recalls the difficult times when the mother protected her children well. There have been times when she was annoyed by the children, but in spite of that she is always like summer to them. The poem, Funzela kwiAfrika entsha is an encouragement of all Africans to prepare themselves for the new Africa. The poem, Ukuthelekiswa kwamaqabane neempimpi is a warning to all police informers who cause a split in the ranks of freedom fighters. In Ndikhumbul’ ekhaya a narrator's feeling about Africa as his home is investigated. The prose work, Unobangela wokufa kwabakhwetha, is a description of the procedures and precautions taken during circumcision. The person who is to do the operation must be an experienced man, and so must the caretaker. All these precautions are taken so that there is no death among the circumcised boys. If such a thing should happen, the boy’s body is buried near the circumcision hut. It is never taken home for burial. The brief article titled Isihewula gives an account of what is done when a young man impregnates a young woman. Women from the home of the impregnated girl set out to fetch an ox from the home of the offending young man. As a rule, unmarried people do not have sex. The writer advises that the customs of the olden days should be used. IAFRIK’ ENTSHAAa ----- nto kaNelson!Aa nto kaMandela! Hayi, hayi madoda naku kwenzeka, Kalok’ ikhwelo lityala mzi kaTshawe, Yizani mawethu sibonisane, Yintoni n’ esingayenzanga kwesi sidiliya? Salim’ ingqolowa suke savun’ umdlungu. Vuka-----ni bantwana boxolo! Yabhong’ iANC ngo1912 Wakrecula okaVelevutha suke laxubayel’ izulu, Vuka-----n’ ebuthongweni ndl’ emnyama! Awu, yin-----i na maAfrika! Bekan’ iindlebe maAfrik’ iyatheth’ inamb’ enkul’ eRobben Island, Kalok’ ilizwi lomnt’ omkhul’ alidliwa nja, Kambe ke beth’ azilali ndleleni kuba ziyawoyik’ umbethe, Kalok’ ingonyama yakuba semgiben’ isayin’ uxolo Awu! Kambe ke bethu umhlab’ uyaguquka, Aqhashambul’ akaMakweth’ athi noko lid’ ithuba sijong’ ukubuya kukaNxele, Masiph’ uzuk’ amaQabane ngokusifela kwawo, Nto ndin’ inesigidimi sexesha neyure, Ndiniken’ intsimb’ ezimhlophe mawethu, PHAPHAMANIPhaphama-----ni maAfrika sekusile!Vuka-----ni nani mathongorhandini sekusile! Nani babulal’ amaxesh’ ayaguquka, Nesibhakabhaka siyaqandusela, Sizwe sini na esi sizele ngoontaka mpuku? Nditsho kuwe mzi kaXhosa, kuloMalangana, kuloNkosiyamntu. Nonke phosan’ amehlo phezu kwentab’ etafile, Yini na Gaja akuyiboni n’ iAfrik’ entsha? MntakaGqozo lelani n’ eli gazi limpompoz’ eBisho? Laze lasandulela lihlab’ umkhos’ eBisho madoda, Bayijij’ imibomb’ abantwana bomzabalazo, Wagigithek’ ude Klerk kub’ efike sekuphothulwe, Phaphama-----ni maAfrika sekusile! Nabamb’ ongezantsi maQabane niyelama kusini na? Bubuyath’ ukunyolana kub’ akukh’ ufun’ ukoyiswa, Sibe kuninik’ ubukumkani, naxhwithana ngabo; Umntu yintoni na l’ iinkan’ ezinje? UMAMA WAMMaz’ eyadalwa ngenxa yobulolo bukaAdam;Yanced’ inyoka ngokulukuhla, kuzokwanda Iindlezana neentsengwanekazi. Ndinik’ imbeko kuwe maz’ enethole, Ubagqwesile bonk’ oomama ngobuhle nangozuko; Uqwelile ngobukhukukazi nokungculela. Ngamandla nokomelela, wen’ akushiywa mama. Ndiyabulela kuwe mama wam. Siyintoni na isizw’ esingenamama? Belisibekela libuye lizole; Sikhukukaz’ esifukam’ amantshontsh’ omthonyama, Unewonga udumile, uyimbalasane; Ikhaya lam linesidima, aloyikeki, lizolile FUNZELA KWI-AFRIKA ENTSHALishush’ idabi kumathaf’ obu bomiKuqhum’ amaqulo kuchachamb’ umchiza, Uxhob’ ufohlel’ umlisela nomthinjana Usilwa node Klerk, usilwa neApartheit. Ayaxhaxh’ amagwala, kuband’ umchachazo; Iyathimbiz’ inyam’ ayifuni kuthotyozwa, Qina Qaban’ uzophumelela, qul’ uphathelele Mawuqaqamb’ umgomo phambi kwakho; Ofun’ igolid’ akaqhway’ emgqubeni, Indlela ilucinya yay’ ingumnqantsa, UKUTHELEKISWA KWAMAQABANE NEEMPIMPIHayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo likaBotha;Ongemiy’ endleleni yeempimpi, Ongahlaliyo embuthweni yemicing’ omatshisi; Yen’ unonelel’ umyalelo kaMandela, ucamanga ngawo Imini nobusuku. Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Yini na ukub’ iintlanga zenz’ imbuthumbuthu, Abahlel’ eLusaka bayahleka, uMandel’ uyabangculela; Ngoko ke Botha node Klerk qiqani, Mangen’ unyan’ uChris Hani hlez’ aqumbe NDIKHUMBUL’ EKHAYAKukhw’indaw’ endiyithandayo;Igqitha zonk’ iindawo, Ngobumnandi nokonwaba, Ndithand’ iAfrik’ ikhaya lam. Kukhw’ indaw’ endiyikhumbulayo; Kukhw’ indaw’ endiyicingayo, Kukhw’ indaw’ endiyifunayo; Kukhw’ indaw’ endayishiyayo; Kukhw’ indaw’ endilindileyo; UNOBANGELA WOKUFA KWABAKHWETHAMaXhos’ akowethu into yokufa komkhwetha ngolu hlobo bafa ngalo kule mihla siphila kuyo iyanxunguphalisa kakhulu.Isihelegu esinje besikhe sehle nakumathuba okhokho kodwa bebenazo iindlela zokujongana nemicimb’ enje, bekuqinisekiswa ukuba ingcibi le iza kusebenza iwazi kangakanani umsebenzi lowo, bekuthathwa ke ingcibi esel’ ineminyaka isalusa. Ukufa komkhwetha luxanduva lwengcibi ngolu hlobo phambi kokuba ingcibi iwenz’ umsebenzi lowo kufuneka idibane nomzali wenkwnkwe nganye injongo ikukuqonda ukuba le nkwenkwe iza kwaluka bona bengabazali bazenzile ngokupheleleyo n’ iimfanelo zomntwana wabo umzekelo into ezinjengembeleko nokuqiniswa akwaz’ ukukhuseleka kwimimoy’ emdaka kuba kaloku apha ebukhwenkweni sakumfumana mhla weluka. Kwakhon’ ingcibi kufuneka ibe ilixhwele kungenjalo xa iza kwalusa ihambe nomntu olixhwele oza kuqinisa isuthu elo. Kufuneka iwaxelele amakhwenkwe esesebuhlanti ukuba ukungena kwawo emanzini kufuneka athethe zonk’ izinto ebebezenza ezingalunganga izinto ezinjengokulala nomfazi uyinkwenkwe okany’ ulale nomntu onabantwana nokuba akendanga, oko ke kwenziwa ngesizathu sokuba thina maXhosa singabantu bomlambo kangangokuba negqirha elithwasa nyani lithwasel’ emlanjeni apho kuhleli khona iminyanya. Kanti ke xa ikhankatha liphawula into engaqondakaliyo kumkhwetha kufuneka liphume naye lithi makathethel’ endlebeni yenja achaze izono zakhe kuyo, xa ingami kakuhle kufuneka kubizwe ingcibi ngoko nangoko ize kujong’ undonakele, ke ukuba ibizenzil’ eza mpawu ndizikhankanyileyo ngasentla kufuneka imphathe ngokwayo umkhwetha lowo de aphile kuba kaloku ngelinye ixesha uthi ngenxa yokwenqena umkhwetha azigulise kuba efuna ukusiwa esibhedlele, nize nani nithi ngokudukisa kanti niyamlimaza. Iyamangalisa ke kakhulu into yokuba apha ezidolophini kuthathwe nabani othi uyakwaz’ ukolusa ngelo xesha akanazo neemfele ezisukiweyo ezizakusetyenziswa ngamakhwenkwe lawo, ufumanis’ ukuba ngeli xesha lokuba inkwenkw’ iye entabeni kungeli xesha kuhliwa kusenyukwa kufunwa iimfele, zakufumaneka zingasukwa ngandlela kuba kungxanyiwe aze umkhwetha afumane ubunzima kuba olu fele luqinile. Kanti ke xa ingcibi isalusa iyamelwa kujongwe ukuba iwuqhuba kakuhle na umsebenzi lowo, apha ezidolophini ingcibi kufuneka ibeth’ icici kuba kaloku akukho zinto zaneleyo ezinokuyiphilisa nezo zikhoyo ayisizizo ncam. Xa umkhwetha ethe wasweleka ngelishwa akasiwa ezindlwini kwaye abaxelelwa abasetyhini ngomphanga lowo, ungcwatyelwa kwalapho esuthwini, bona abasetyhini bakubona xa aphumayo, umntu abone ngokungabikho kweyakhe ukuba ayisekho. Ukwelukela entabeni sisithethe sakuthi kodwa ngenxa yempucuko asisenzi ngendlela elungileyo ize sibe lilifa lokugula. Amakhwenkw’ akhoyo aziphath’ isidoda yiyo le nt’ afumana ubunzima ekwalukeni. Masenzeni amasiko ngendlela awayeqhutywa ngayo ngookhokho bethu sizokuphila. ISIHEWULAMzi kaXhosa ndinethemba lokuba nakuvumelana nam xa ndisithi, thina maXhosa singabantu bembeko nentlonipho. Ke apha kwaXhosa akukho nto ibaluleke ngaphezu kwentombi nangendlela ethi iziphathe ngayo. Kumathub’ oobawomkhulu ibizidla kakhulu ngobuntombi bayo, unina ebeyiqeqesha ayibonise nendlela yokuziphatha kwentombi. Okokuqala ke intombi ayityi nokuba yintoni etyiwayo, ndingenz’ umzekelo iyorghut neqanda ezo zinto akufanelekanga konke konke ukuba zingasetyenziswa yintombi kuba kaloku umntu wasetyhini igazi lakhe lisoloko lishushu kwasendalweni yakhe, ngoku uthi akudibana nezi zinto igazi libe shushu nangaphezu komlinganiselo aze athi akudibana nomntu oyindoda azibone sele elixhoba lokuba ngumama womntwana abe ebengekafikeleli kwilixa loko.Kungumthetho ukuba intombi ingamvumeli umfana enze nantoni na ayithandayo kuyo engekayitshati. Kaloku umfana nawuphi na akanal’ uthando koko yinkanuko aze athi kub’ efuna ukulungelwa aze athi intombi leyo uyayithanda, yona ivuma kuba icinga ukuba unyanisile, suke umfana akuyifumana la nt’ ebeyifuna angaphinde abuye ngelinye ixesha kanti lo mntwana amenza le nto ebengazange wadibana namntu ngoku amshiye emmoshile. Mandulo ke xa umfana ethe wadlala qatha ebehlawula inkomo ekuthiwa sishewula. Loo nkomo umfana ebengacengwa xa ifunwa, bebephuma oomama behamba ngaze tshu baye kokwabo komfana lowo besombela ingoma yesihewula, apho ababuyi bengazi nayo. Unobangela wokuba bahambe ngaze ibiyindlela yokubonisa ukuba umfana lowo wenze inyala elikhulu kuQamata, ngokuthi ajikele isibaya somny’ umzi ngemva. Intombazana ibisoyika kwankqu ukuhamba nomfana phambi komzali nokuba ngumzali kabani. Kusisono ukuba umntu okanye abantu abangatshatanga babelane ngesondo kuba xa kuthe kwavela isiqhamo ngelinye ixesha umfana akhanyele kungenjalo kanti akaphangeli, loo nto ichaphazele impilo yengilosi engazi nto yona, yiyo le nto uThixo esiqumbele kuba ungafika amanye amasana eqhushekwe emigqomeni amanye ngasese, athi lowo uthe waphila angafumani sondlo nampatho iphilileyo kuba kaloku akazanga ngendlela esikelelekileyo. Mna ndingumbhali ndicebisa ukuba sibuyele kwimithetho yoobawo kuba le yethu isoyisile. Xa ungumzali uneenjongo ngomntwana wakho kwaye unebhongo ngaye, xa ke ngoku enokulalwa ngumfana onamashumi amathathu eminyaka abe yena engekadibanisi neshumi elinesihlanu uthi inokuba yena uThixo akanakusibetha ngeso senzo simasikizi ngolo hlobo? |
||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||||
© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieėl nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf. |