Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Imbola

Thandiswa Zenzile

Bantu baseKwelerha abaziwa
ngokuba ngamaqaba,
nabo abakhanyeli
bayazingca ngembola yabo.

Bayazi mhlophe ukuba
ngapha kwembola kuphuma
isifundiswa.
Zifundiswa ezo zizalwa nguqhiya-nkulu.
Abantu abasatshaya ngemibheka-phesheya.
Bazingca kakhulu ngeenxili zabo.
Bazingca kakhulu ngemfuyo yabo namasimi,
nokufundisa abantwana babo
ngokwezifungo zamaMbo eMqwashwini.

Bathi basuka emboleni
baya kucumse,
nto leyo ke ebangela
ukuba babe zonke izinto
bazihambisa ngendlela.

(Yichaze imbola umsebenzi wayo.
Ingaba inexabiso imbola kusini na?
Babaluleke ngamasiko nezithethe.
Babaluleke ngenyaniso nobubele.
Babaluleke ngotywala amanzi ezinyanya.
Zizintw’ ezigcin’ isiko nobukhosi.
Abadlali ngeenkosi zabo
Kuba kaloku zizo ezigweb’ amatyala.

Yimidak’ ekwaziyo ukuqeqesha.
Wakwaphula umthetho udliwa inkomo yonke.
Gquduza ungayikhuphi awuphindi ubonwe eluntwini.
Woba likheswa uxele uGqozo, umbulali.
Sikondini ungumbumbi wezimilo.
Sikondini ungumnyangi wohlanga.
Ngaphaya komhlonyane lisiko umanqoba.

Hay’ abantu bembola ubungcathu nto zonke.
Kaloku bona ngooKuphilwa-phi?
kanti ngaphezu koko babalasele ngobuntu.
Intshumayelo yabo “umntu ngumntu ngabantu”.
Loo mbola ifana negazi luphawu lukaQamata.

Inkolo yabo zizinyanya noQamata.
Isihogo asaziwa kuba akukho mntu utshoyo.
Nkulunkulu wabo unenceba
Kuba umntu ugwetywa axolelwe esaphila.
Ngegazi nezingxengxezo amatyala ayaxolelwa.)

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.