Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
PoŽsie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

ISIBANE KWISIVUTHE-VUTHE SOMOYA

Simion Simo Nkanunu

Isibane ulanti-lanti phezu kwenduli?
Isibane sekhethethe;
Isibane kwisivuthevuthe somoya
Isibane esitak’ iintlantsi
Isibane esilumek’ idlelo
Idlelo lomphefumlo
Idlelo lenyama negazi
Ukulumekeka komphefumlo wenyama negazi

Sobheka phi na Thixo?
Zavum’ iintombi zomanyano
Zavuma zitsholoza de zatshothoza ingqimba zamafu zingqiba kulombundana
Mkhulul’ agoduke ingoma yokugoduka
Zalamil’ izizwe
Limyil’ umntwan’ entshongo
Limyil’ umntwan’ enkciyo
Mbali ayinamlibo izidlakazil’ izizwe

Athethil’ amakholwa esithi fudul’ emis’ imigodi
Zihlobo zakuloYesu, ngathi nife nipheth’ iintolo
Sisiprofeto kusini na?
Ziinkonde zakwantu beningasenalo neqwili kusini na?
Bakhohlela de banonkonko okhohlel’ esingeni, ukufa kuzixel’ ithumba

Amanyangaz’ aqhwayana intshabalalw’ intsholongwane
Itshayel’ itshijil’ incothul’ egadeni
Zihambile iintombi zesizwe, waqhwesh’ umlisela, nolusebeleni
Ndathi ndozibula kanti ndozibula ngoxam
Ngumgqakhwe phezu kweentloko zabajoj’ uthando
Yinqu yenquleqhu,
Bapuca de bagob’ iintloko oogqirha
Usishiyile akasayi libuyayo

Likrele elijinga kwabasezantsi emhlabeni
Yintambo yomgwebi ongenalusini
Ityhubatyh’ ityhudis’ ityhobozela kolungekazalwa
Yibuze kwabombathisane ngothando le nto ndiyincamile
Bambi batyibilike kwindlela yayo ingajolise kubo
Yancamathel’ izixel’ inteth’ emcingeni
Masihleng’ ukuthetha
Usishiyile akayi lubuyayo

Imvikive imvonyavonya
Yamjeq’ imqweng’ imqweqwedisa
Waxubayela wampatshampatsha
Wancipha wanyakazel’ iimbambo
Bancipha abahlobo
Inyembezi zanga zihamba ngomsele
Ukuphela kwethemba, inyama negazi zinxubile
Amaxesha okonwaba emkile
Amaphupha obomi amfiliba
Umzuzu, iyure, ukusongeka kobomi
Ngenene akasayi lubuyayo

Sonke siyagoduka
Sonke siyagoduka
Amaxesha okungazi
Amaxesha okulibala
Amaxesha wokuthemba, ithemba elisengxoweni
Alilishwa kwabaphezu komhlaba
Intuthumbo eyogqitha ingqatsini yomlilo omadangatya
Usishiyile akasayi lubuyayo




About the poem:
This poem is about AIDS and how this disease has ravaged society. It is a general poem, stating how doctors are at a loss, and the Christians who used to pray that things would happen are no longer effective.




LitNet: 8 June 2004

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieŽl nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ín onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.