Taaldebat - Language debateArgief
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
PoŽsie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Ingxelo ka-I-MAG (Umbutho wokusetyenziswa kweelwimi ezininzi) eya kumaphephandaba

Ngomhla we-16 Juni 2004

KULUTSHA LOMZANTSI AFRIKA: MALIVAKALE ILIZWI LENU!

Ngomhla we-16 kuJuni kowe-1976 ulutsha lwelizwe lethu lwakuvakalisa ukuyichasa kwalo inkqubo yolawulo ngegqudu. Ukubhiyozelwa kolu suku ayikokukhumbula nje loo mhla wenjilaphethu koko ngumsobomvu kwikamva lolutsha lwethu. Silindele ngolangazelelo loo mhla inkululeko ngokolwimi nemfundo eyiyo ziya kuba zingeyonto yabambalwa abababalweyo.

U-I-MAG uwuxhasa ngokupheleleyo uMgaqo woLwimi kwezeMfundo ophakamisa ukuba ukongeza kulwimi okanye iilwimi umntu asele ezithetha makube sisiseko semfundo yolutsha. Oku kuthetha ukuba ulwimi lweenkobe lumele ukuba lugcinwe lulolokufunda nolokuhlohla kuyo yonke le minyaka yokufunda esikolweni kumane kusongezwa ezinye iilwimi kolu lwenkobe. Okwangoku eli lungelo lisisiseko lisetyenziswa kwaye ligcinelwe abafundi abalwimi zabo isiisNgesi nesi-Afrikansi. Kunyanzelekile ukuba oku kwenziwe kulo lonke ulutsha lwethu.

Egameni lolutsha lwethu sicela urhulumente ukuba ayenze ibe yephambili into yokusebenza koMgaqo woLwimi kwezeMfundo ngaphaya kweminyaka yokuqala yesikolo samabanga asezantsi ukwenzela ukuba lonke ulutsha lwethu luzuze ngokulinganayo kwimfundo yalo. Inyathelo lokuqala ingakukwenza izinto zokufunda zifumaneke ngazo zoli-11 iilwimi zaseburhulumenteni.

Simema lonke ulutsha ukuba ilizwi lalo livakale ekubangeni amalungelo alo njengabemi abapheleleyo belizwe loMzantsi Afrika elilawulwa ngedemokhrasi. Ixesha lokuba “abantwana babekho kodwa ilizwi labo lingaviwa” lidlule. Lilungelo lakho ukulusebenzisa nokulukhulisa ulwimi lwakho ngeli xesha ufunda ezinye. Akukho nalunye ulwimi olungaphantsi kunolunye ngako oko ummi ngamnye woMzantsi Afrika umele ukuzingca ngenkcubeko yakhe. Ngokusebenzisa zonke iilwimi zethu ulutsha lwethu maluncedise ekusasazeni uxolo nokuqondana.

Lwanga ulutsha lungaqhuba nesithethe esiliqhayiya sokuvakalisa ilizwi lalo — ukwenzela ukuba luviwe!

Lo myalezo ukhutshwa ngaba balandelayo:
Mhlobo Jadezweni (chair),
Alet van Huyssteen (vice-chair),
Gerrit Brand (secretary),
Annette Humphries Heyns (treasurer),
Zanele Mbude, and
Pedro Dausab



LitNet: 18 Junie 2004


Click here for the English version of the I-MAG Media Statement

boontoe


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieŽl nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ín onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.