Taaldebat - Language debateArgief
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Po?sie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.
Senior watch slim, Jaeger Le Coulter Masters Series must not replica watches miss. Jaeger Le Coulter's master series is swiss replica watches an entry - level series in the brand, but it replica watches sale also has a complex style to replica watches online the sky.

INGXELO KUMAPHEPHANDABA

Yenziwa

liQela labaBhinqele phezulu kwiiLwimi ngeeLwimi (i-MAG)

(10 Febhruwari 2003)

Ipalamente yelizwe mayingahlehli kwezeelwimi



Thina bamagama abo alapha ngezantsi sikhathazwe kakhulu sisindululo seKomiti yeMigaqo yePalamente sokuba makwamkelwe isiNgesi sibe lulwimi ekukuphela kwalo ekubhalwa nekushicilelwa ngalo ePalamente, nasisigqibo sikaSomlomo wePalamente sokuba oku kuphandwe ngokungakumbi.

Inyathelo elinjalo lingangquzulana ngqo nomyalezo woMgaqo-siseko nowomthetho wezeelwimi osandula kupapashwa liSebe lezoBuchule neNkcubeko wamkelwa yiKhabhinethi. Oku kungathetha ukubuya umva (ukuhlehla) kumthetho weelwimi ngeli xesha kufuneka kakhulu inkqubela-phambili ekusetyenzisweni kweelwimi ngeelwimi. IPalamente inoxanduva olulodwa malunga nalo mcimbi, iyisimboli kwaye ikwanokuba sisixhobo sayo yonke into yedemokhrasi yelizwe lethu - kuquka ukusetyenziswa kweelwimi ngeelwimi - esekwe kuzo.

Isindululo seKomiti yeMigaqo nokuzimisela kwamanye amalungu epalamente ukusisabela esi sindululo kubonakalisa impakamo yokungazicingeli iziphumo zesi sindululo kuluntu ngokumalunga nolwimi ngokubanzi. Asiyisi so konke into yokuba ulwimi lungasetyenziswa ukucutha okanye ukwandisa ukufikelela, ukuthabatha inxaxheba namathuba kuninzi lwabantu boMzantsi Afrika abangenazinto nabachwethelwe phaya, abangasaziyo isiNgesi. Oku kuthetha ukuba uninzi lwabantu baseMzantsi Afrika abanamdla okanye abanasabelo nalungelo lokuphanda iingxoxo zePalamente yeLizwe ezibhaliweyo nezicholacholwe ngeeteyiphu.

Intetho ethi umthetho ololu hlobo uza kuba yinto nje “yexeshana” ayimele kuhoywa kakhulu. Kuluntu oluqhubela phambili ngalo lonke ixesha into yexeshana mayisondele ingabikude kakhulu kuleyo imele kwenzeka. Malunga nemithetho yeelwimi eMzantsi Afrika oku kuthetha ukuba naluphi na utshintsho lomthetho olwenziwayo kwindawo yoluntu malusoloko lulolongezayo kunokucutha kusetyenziso lweelwimi ezininzi.

Ukubuya umva phantsi kwegwiba “leendleko” yimpazamo enkulu. Kwilizwe elineelwimi ezininzi elifana nelethu ukulingana kweelwimi asinandlela yakukhetha kokuba nayo imali okanye ukungabi nayo. Yimfuno yomgaqo-siseko ebethelela ilungelo loluntu elisisiseko kwaye - njengePalamente okwayo - eliyintsika engundoqo kwidemokhrasi, esingenakuyingxenga ibe ndyengelele okanye siyidelele. Indlela yokuxoxa enikezela ngamalungelo nedemokhrasi phantsi kwesebe “leendleko” ayinandawo kumaziko ethu oluntu kwaye mayichithwe ngoko nangoko ingaze iphinde ivuke. Ngenene xa kuqwalaselwa ukuba “iindleko zokusetyenziswa kweelwimi ngeelwimi” asiyonto yemali nje kuphela kuba naxa kujongwa iindleko ngokwemali ziphantsi kakhulu kunokuba abanye abantu beqonda. Sikholelwa ukuba isizathu seendleko masingasetyenziswa njengento yokubuyela umva kakhulu.

Ngako oko sibongoza iKomiti yeMigaqo, uSomlomo nePalamente ngokubanzi ukuba basikhabe esi sindululo ngawo onke amagunya abanawo. Sindulula ukuba iingxoxo zepalamente zicholacholwe ubuncinane ngeelwimi ezimbini, kodwa sikhetha ukuba ibe zizo zonke iilwimi zaseburhulumenteni, olunye kwezi ibe lolo iingxoxo beziqhuba ngalo. Ukufumana isikhokelo seelwimi zokubhala nokushicilela makulandelwe isikhokelo seBhodi yeeLwimi zaseMzatsi Afrika i-Pan South African Language Board. Apha ke iPalamente imele ibe ngumzekelo kuwo onke amaziko oluntu eMzantsi Afrika.

Kananjaqo sifuna ukubongoza amalungu epalamente ukuba abe ngathi ayaqinisa ekuzisebenziseni zonke iilwimi zethu zaseburhulumenteni xa ethetha epalamente. Ukuba iinkokeli zethu zelizwe zineentloni ngeelwimi zazo ziza kubakhokela kanjani abantu ekuphumeni ekukhotyozweni kweengqondo zabo ngamakholoniyali? Ukukwenza oku kukhawuleze, ubukho beetoliki zazo zonke iilwimi ngalo lonke ixesha makubuyiselwe kwakhona ePalamente.

Ukongeza, izaziso zikawonke-wonke ezingesiNgesi kuphela epalamente nakufuphi nayo zimele ukuba, ngokungxamisekileyo, zisuswe endaweni yazo kufakwe ezingeelwimi ngeelwimi eziseburhulumenteni. Ipalamente asiyoyegcuntswana labantu abakhethiweyo abazi isiNgesi, koko yeyabo bonke abantu boMzantsi Afrika.

ILIZWE ELIILWIMI NGEELWIMI ELINORHULUMENTE OTHETHA ULWIMI OLUNYE ALINAKUBIZWA NJENGEDEMOKHRASI!

(Ingxelo eyamkelwe nguwonke-wonke kwintlanganiso kawonke-wonke yeQela eliBhinqele phezulu kwiiLwimi ngeeLwimi (i-MAG) ebingomhla we-10 Febhruwari 2003)

Kutyikitye:

1. Neville Alexander
(Project for Alternative Education in Southern Africa, member of Western Cape Language Committee)

2. Piet Badenhorst
(Federasie van Afrikaanse Kultuurvereniginge)

3. Carole Bloch
(Project for Alternative Education in Southern Africa)

4. Gerrit Brand
(Taalsekretariaat)

5. Pedro Dausab
(National Khoisan Council)

6. Amanda de Stadler
(Vriende van Afrikaans, Stellenbosch)

7. Tsedi Dipholo
(Noluthando School for the Deaf)

8. Koos du Toit
(Tabema / Taalsekretariaat)

9. Charlyn Dyers
(Iilwimi Centre)

10. Sandile Gxilishe
(Applied linguist)

11. Liesel Hibbert
(Iilwimi Centre)

12. Annette Humphries- Heyns
(Deaf Federation of the Western Cape / Sign Language Project)

13. Mhlobo Jadezweni
(Isiqhamo sikaPhalo)

14. Fayrooz Johnson
(Writer/journalist)

15. Victor Khambule
(Vriende van Afrikaans, Soweto)

16. Monica Kirsten
(Language practitioner)

17. Ernest Kleinschmidt
(Institute for the Deaf)

18. Wilna Liebenberg
(South African Translator’s Institute)

19. Sandisiwe Mangcu
(Language activist)

20. Dominique Mwepu
(Centre for Applied Language and Literacy Studies and Services in Africa)

21. Abner Nyamende
(Department of African Languages, University of Cape Town)

22. Koos Oosthuysen
(Bible translator)

23. Ncebakazi Saliwa
(Isiqhamo sikaPhalo)

24. Sizwe Satyo
(Department of African Languages, University of Cape Town)

25. Werner Scholtz
(Freelance language practitioner)

26. Latifa Shabodien
(Al-Wagah Oasis for the Deaf)

27. Quintus van der Merwe
(Language activist)

28. Andre van der Walt
(Taalsekretariaat)

29. Alet van Huyssteen
(Iilwimi Centre)


boontoe


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.