Taaldebat - Language debateArgief
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
PoŽsie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

ULwimi nenguqu yenkqubo yezomthetho

INTETHO
ekhutshwe
nguMBUTHO WEELWIMI EZININZI (I-MAG)
ngo-24 Januwari 2005


Isishwankathelo sesigqeba

UMbutho weeLwimi eziNinzi (i-MAG) uye waqaphela ingxoxo-mikiswano eqhubayo ngolwimi kwinkundla zomthetho zethu kwanezindululo ezilindelekileyo kumgaqo-nkqubo kulo mba yikomiti yeejaji zeSebe lezoBulungisa.

- Kwimvelaphi yoMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika,
- kumdla wengqu yenkqubo yethu yezomthetho,
- ngokubhekiselele kwiSiseko soMgaqo-nkqubo woLwimi weSizwe,
- ukunika ingqwalasela kwiZikhokelo zePan South African Language Board zoCwangciso loLwimi noPhuhliso loMgaqo-nkqubo, kunye
- nangenxa yenkqubo esebenza ngakumbi nenobulungisa yezomthetho kunye nomsebenzi wezomthetho ofaka ngaphakthi kuwo ubulungisa nomoya woMgaqo-siseko

senza isimemelelo esizimiseleyo kwiSebe lezoBulungisa kunye neKomiti yeejaji ekufuneka icebise iSebe ngomgaqo-nkqubo wolwimi weenkundla zomthetho ukuba zamkele oku kulandelayo njengamanqaku okuqalisa kunye neemfuno ezibubuncinane zomgaqo-nkqubo onjalo:

  1. Lulunye kwiilwimi ezili-11 ezisemthethweni lungasetyenziswa njengolwimi lonxibelelwano kuzo zonke iinkundla zomthetho, nguye nabani na, kuyo yonke imisebenzi, kuquka izigwebo, iingxoxo ezibekwa ngabathetheleli kwezomthetho, amaxwebhu enkundla, kwanokunika ubungqina.

  2. Ukuba ubani obandakanyeka etyaleni akalulandeli olunye lweelwimi ezisetyenziswayo, itoliki kufuneka abonelelwe ngayo loo mntu.

  3. Izigwebo, iingxoxo zabathetheleli kwezomthetho, amaxwebhu enkundla kunye nobungqina abutolikwa buguqulelwe esiNgesini okanye esiBhulwini (okanye olunye ulwimi) xa bunikezelwa ngolunye ulwimi olusemthethweni olulandelwa ngabo bonke ababandakanyeka etyaleni.

  4. Izigwebo ezixelwayo mazipapashwe kubuncinane kwiilwimi ezimbini ezisemthethweni, olunye ekufuneka ibe lulwimi esithe isigwebo sanikezelwa ngalo.

  5. Kumatyala apho inkonzo yotoliko isetyenziswa, imizuzu yeenkqubo zenkundla mayibanjwe ngolwimi okanye iilwimi ezisetyenziswe kwiinkqubo endaweni yolwimi okanye iilwimi ezitolikwa ngazo.

  6. Ulwazi ekufuneka lubonelelwe kubani yinkundla kufuneka lubonelelwe ngolwimi okanye iilwimi ezilandelwa ngulo mntu.

  7. Xa kusonyulwa, kusonyuselwa okanye kubekwa iijaji, iimantyi nabatshutshisi boluntu, usetyenziso lweelwimi ezininzi - ukutsho oko ulwazi lweelwimi ezininzi ezisemthethweni - luthatyathwa njengesindululo esiphambili, kwaye nokuba ingqwalasela iyanikezelwa kwiilwimi ezimelwe kakhulu, ngokwenani labantu balo ndawo, apho umntu aza kuba exelenga khona.

  8. Xa kunikwa uxanduva lwamatyala, isakhono sejaji, semantyi okanye umtshutshisi woluntu okanye ukusilela kwesakhono sabo kulwimi okanye iilwimi ezifanelekileyo kuthatyathelwa ingqalelo.

  9. Icandelo leelwimi ezininzi lingeniswa kuqeqesho lweengcali zezomthetho, kwaye nemfuno yeelwimi ezininzi iyaqukwa kwiimeko zokungena (okutsha) kwikhono lezomthetho.

  10. Iyunithi enemithombo eyeneleyo neyobungcali yolwimi mayisekwe ukuncedisa iinkundla ngoguqulo lweerekhodi zeenkundla zezomthetho kunye namaxwebhu asezinkundleni kunye noshicilelo lwemizuzu kananjalo nophononongo kwanolungiso lomgaqo-nkqubo wolwimi ezinkundleni.

  11. Amathuba amaninzi nangcono oqeqesho nophakanyiso lwenziwa lube khona kwiitoliki zasezinkundleni zomthetho; inani leetoliki zasezinkundleni zomthetho landiswe, kwaye intlawulo-mivuzo yazo iphuculwe.

  12. UCwangciso luqhutywa ngembono yosetyenziso ekugqibeleni lwazo zonke iilwimi ezisemthethweni njengeelwimi ezisebenzayo kuqeqesho lwezomthetho kumaziko emfundo ephakamileyo kwanobonelelo lwesigama sezomthetho kunye nezixhobo zokufunda kuzo zonke iilwimi ezisemthethweni.

  13. Unyamezelwano nosetyenziso olukhulu lweyantlukwano kwiilwimi ngala manyathelo angentla lubonwa kwaye luthatyathwa njengesakhi esibalulekileyo senkqubo yonikezelo lwamathuba kwabo babewavinjiwe ngaphambili kwikhono lezomthetho kwanenguqu kwibhentshi.

Okokugqibela, kubaluleke kakhulu ukuba inkqubo equkayo neyedemokrasi yoboniswano loluntu iqaliswe phambi kokuba izigqibo ezihambele phambili zenziwe malunga nolwimi ezinkundleni zezomthetho.


Sikhutshwe ngu:

Mhlobo Jadezweni (usihlalo),
Alet van Huyssteen (usekela-sihlalo),
Annette Humphries Heyns (unondyebo),
Gerrit Brand (unobhala),
Werner Scholtz (igosa lezoqhagamshelwano),
Pedro Dausab, kunye
noZanele Mbude


egameni loMbutho weeLwimi eziNinzi (i-MAG)

  • Click here for the executive English statement
  • Klik hier vir die volledige Afrikaanse weergawe



    LitNet: ngo-24 Januwari 2005

    Wil jy reageer op hierdie artikel? Stuur kommentaar na webvoet@litnet.co.za om die gesprek verder te voer op SÍNet, ons interaktiewe meningsruimte.

    boontoe


  • © Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieŽl nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ín onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.