Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Umfundi

By Bulelani Zantsi

Nank’entsingiz’imigodlwan’enyuk’iminqantsa
Ngoba zithi zakukhal’inkuk’abethwe luvalo
Abanye babetha ngezikatshiwo kuloo migama
Imek’imaxong’okomxhapho wexhego
Oonozala benz’amabona ndezile
Ngob’intliziyo zizel’iminqweno
Neminqweno kodwa hay’ukogqith’ikamva

Wen’unethamsanqa yitshay’isaqhuma
Hlez’icim’ungekampakuzi
Ngoba baninz’abanqanqathekileyo
Koko baswel’iintsiba zokubhabha
Ukub’unak’ukumgcazela kwel’unalo,
Nik’umhlahla-ndlel’ahlab’ekhondweni
Indoda yemba kweny’eqolo.

Yini na mfund’ukwez’amanyundululu
Konakele phi na kwezi mini
Suka watsib’ilitye likaPhungela
Kodwa hayi sekutsitywe yen’ubuqu
Suka wanyevula wonyany’unyinyitheka
Kodw’uze kany’enkosini
Suka wayinkuzi kaMinosi
Kalok’inkuz’iny’ebuhlanti
Zingabambini ziyahlabana.

Le nt’ingqeqesh’iqal’ekhaya
Le nt’umfundi yintyatyamb’ehombis’ikhaya
Lumkel’imimoya yesikhova
Hleze kuthi kant’umka nomsinga
Ubuye nesimil’esingenakutyiwa nasisiLilakubi
Kant’uzinqikel’olunenkume
Suke bagigithek’abakubethe ngoyaba
Usal’uyimpula kaLujacu.

Umfundi yint’enontobeko nesidima
Sisityalo esilangazelel’unkcenkceshelo
Thobel’umcenkcesheli khon’ukuz’uvelis’iziqhamo
Ngaphandle kwamanz’awunto ebomini
Le nt’umfundisi-ntsaph’ineminqweno
Minqweno engachasene neyabazali
Ngoko ke ngumfuziselo nomqangiselo kanozala
Wokuphuhlis’ikamv’axabangel’apho kukh’umbundane
Maze ke xa kunjal’ungazenz’icephe
Yiba nguZungulichele kumadlelo aluhlaza
Utyebis’ikamva khon’ukuz’ube lulutho
Hamba-a-a ke Dingulwazi!

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.