Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
PoŽsie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Ukugoduka kukaNkosazana Stella Sigcau ngenyanga kaCanzibe 2006 ...*

(Inkosazana yeQadi laseQawukeni noMphathiswa weSebe loPhuhliso lweMisebenzi yoLuntu)

nguSylvester Ngqongqwana

Ewe kambe zagwanty’ iinyembezi !
Kumhl’ amanz’ amehlo kunyembelekile,
Kumhl’ isingqala sachukumis’ isizwe,
Ibhong’ ilele ngecal’ inkosazana,
Mhla yalala ngandletyana-nye,
Kusithiw’ igulel’ ukufa.

Ewe kambe lamathumb’ antaka !
Mhla kwathiw’ ibuthisile,
Mhla kwathiw’ inabel’ uqaqaqa,
Baqumba baqalekis’ eQawukeni,
besith’ esihl’ asidleli,
Kugawul’ owaziwayo kambe.

Ewe kamb’ umntwan’ egazi !
Umthonyam’ esizwe samaMpond’ aseMpuma,
Wabenz’ idin’ ubomi bakh’ esadl’ amazimba,
Wayiphilel’ iTranskayi eyenz’ ubunto,
Wawusebenzel’ uMzantsi Afrik’ ewuphuhlisa,
Washiy’ ilima – ndlel’ ehlomkisayo.

Ewe kamb’ isithel’ intsimb’ ayigobi !
Nditsh’ ibhinq’ elishiy’ indim’ icacile,
Eligangath’ oomagad’ ahlabayo ngegalel’ elibanzi,
Liphuhlis’ amanina kwimisebenzi yoluntu;
Umkhonzazana woMzantsi Afrika wenguqu,
Isicakakazi sophuhliso lwemisebenzi yoluntu.

Ewe kamb’ ugqats’ ulufezile !
Umnt’ ubongwa nax’ asanduleleyo !
Zikutyibel’ iimbangambanga zikuncoma,
Zikukhahlel’ izikhakhamela zikothulel’ umnqwazi;
Lwatsho lwadum’ uzuko lwabasetyhini,
“Wathint’ abafazi, wathint’ imbokodo!”

Ewe kamb’ ude wanikezela !
Yangqengq’ inyang’ aseTranskayi,
Lasithel’ ilanga loMzantsi Afrika;
Mazixol’ ezityumkiley’ iintliziyo,
Lon’ inxeba linzulu linobuzaza,
Kambe liphila ngokubotshwa.
Ewe kambe kuyintoni n’ ukufa !
Ubohlal’ unathi de kube nini na?
Ubosikhonza de kube nini na?
Inkosazan’ ezithobe yasisicakazana,
Umfazan’ oyinyamekeley’ iAfrika,
Esadl’ amazimb’ ephilel’ uluntu.

Induk’ entl’ igawul’ ezizweni,
Kamb’ iAfrik’ ibizek’ intombi ngawe,
Ndifung’ iintombi zamaMpondo ziphelele !
Uyichumisil’ iAfrika ngeziqhamo zenguqu,
Waluphuhlis’ uluntu ngakumb’ abomgquba,
Umel’ inyaniso kuloo ndlu yowiso-mthetho,
Saduma nath’ eTranskayi ngomolokazana,
Kamb’ umnt’ ezizweni ngunozakuzaku !

Nditheth’ intombi kaRhadu, mz’ oNtsundu,
Nditheth’ umzukulwana kaFaku kaNgqungqushe,
Nditheth’ inkosazana kaMpondo kaNjanya,
NguNomzamo elakubo, uMagareth’ elabangeneleli,
Ixhwane lokuxelengel’ uluntu loMzantsi Afrika,
Phof’ umzimba way’ ungenaxhala,
Nangon’ ingazang’ izekwe ngaqhosha yiAfrika,
Yazinikezel’ ekukhonzen’ ulunt’ ingajonganga nzuzo.

Hamba kakuhle ‘Dinilesizwe’ !
Ikukhombil’ iNkosi yakho;
Kamb’ isishiya simanxeba-nxeba,
Kuba silahlekelwe sisicaka sabaNtsundu !
Kazi sophinda sihoywe na kuloo ‘Khabhinethi’?
Kub’ umkile nje, asisenathemba limbi !

Maz’ enethole Nkosazana yeQadi laseQawukeni !

Ngxatsho ke !


* Elokubek' ilitye : Lala ngoxolo MamMpondo kaNjanya kaFaku kaNgqungqushe !
Ngqongqwana laments the death of Stella Sigcau, Minister of Public Works. He salutes her for her national service as minister of the former homeland, Transkei and her service to the democratic state, South Africa.
The poem seems to have been conceived and written at exactly the same time as the funeral which was broadcast live on SABC television on 16 May 2006. The poet addresses amaMpondo directly as if he is addressing the funeral service.
Close family will find this poem very comforting as the poem also conveys the nations condolences to the Sigcau family.




LitNet: 23 May 2006

To comment on this poem email webvoet@litnet.co.za, and become part of our interactive opinion page, SÍNet. SÍNet letters and comments can be found here. For poetry in other langauges, click here.

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieŽl nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ín onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.