Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
PoŽsie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Poems from Phakama High School

These poems were written by Grade 10 pupils, Lindikhaya Dantile and Ntsebenzo Sokhetye. Dantile’s poem is about music and Sokhetye’s poem is about parental love and protection. Considering the age level of these writers there is much sense in what they have to say.


Umculo


Lindikhaya Dantile

Nganithule nimamele madoda
Nank’ummangalis’usehla
Ndiva uwiliwili otsho kamnandi
Asazi nokuba uyakusiphathela ntoni

Ndibon’igquba liqundene
Yivani nimamel’apha
Yazini madod’akudlalwa
Valan’iimilomo nivul’iindlebe

Ndiv’umndindizo ngathi yintaka yasekuseni
Sibonakalis’isiphiwo sakho
Usifihla nje hleze sakukunceda

Ngumculo ke lo akombelwa
Ndiyababona bayajikajika
Bahambelana negoma
Ziimvumi zodwa ezi xa kuthethwa

Awungekhe ubabon’abant’abanje
Abenza into enye ngexesh’elinye
Kungenjalo bayifundisiwe
Sibonakalise isphiwo sakho

Ndithi ndakuva ndibe nomunyu
Ndingazi nokuba mandivuye
Ndakuhlala ndiyile nto ndiyiyo na?
Kuba mna dililo neyilo ndibhesa
Nje ndiyatinara ndithi ndilapho
Ndibe sendikwisuprano
Ndisuk’apho ndiphindel’ekuqaleni kwibhesi
Abantu balento abayenzi
Thina sakuphila kukuyithanda
Sibonakalise isphiwo sakho

Thath’iintlon’uzifak’enkunkumeni
Ushiyeke wena nent’oyenzayo
Wenzel’ilifa lakh’elingasayi kuhluthwa mntu
Sibonakalise isiphiwo sakho

Ntondini ethandekayo
Othi xa ukuyo wonwabe
Aph’ungasayi koniwa mntu
Naw’ungasoze woniwe mntu
Uyonwabisa ntondini ndiyakuthanda


Ububele Bakho


Ntsbenzo Sokhetye

Uyimvunzemvunze ntondini
Ungumvali manxeba kwiinkedama
Ungufinyafuth’ebumnyameni
Sityandini seenkedama.

Nkonjan’ebhabhel’emafini
Unditotobisil’undifundis’ukuphila
Tyokololo tyeke ndityekezel’esifubeni
Ndinengqond’engqukuv’engqish’emva.

Uyimaz’etshawuz’okwenkom’enethole
Zandityakaty’iintlungu zomhlaba
Bandiphelel’abahlobo ndavel’into endiyiyo
Kodwa wen’awuzang’undilibale.

Buthi bakufik’ubusika
Ukhumbul’inkedam’eswel’umalusi
Waze wawenz’umsebenz’ongenasiphelo
Awu! Mzali inimba yaphela yini na?

Mzal’ulithemba lam
Mzal’uyintsika yam
Mzal’ulikhaya lam
Mzal’ungumkhomba-ndlel’ebomini bam.

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieŽl nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ín onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.