Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

Short stories by Nkululeko Peter

Iintshintsho zobomi (Autobiography)

Ndazalelwa ndakhulela kwindawo engekho mgangathweni ezinga layo liphantsi eTranskei, eGcuwa kwilali yaseKhobodi kwesikaNtsimango isiphaluka. Abazali bam uZolile Lumko, uBhayi, nomama wam umaDlamini babehlala kude kunam kwiidolophu zeloMzantsi Afrika. Yaba nzima loo nto kum ukuhlala ngaphandle kwabazali bam abandizalayo, ndandihlala nomakazi kwakunye nabantwana abathathu bakhe, omnye wabo yayinguNomsa oyintombazana. Bonke babefunda kwisikolo saseMsobomvu samabanga aphakamileyo. Ngelo xesha ndandisenza iBanga lesiBini babe ooNomsa bengaphambili kunam.

Umakazi uMamNgwevu wayeneebhokhwe ezintlanu kwakunye neegusha ezilishumi. Loo mfuyo yayifuna ukhuseleko kwanokukhatshelwa ngentseni ukusiwa emadlelweni. Sisonke endlwini sasihlala ezindlwini ezimbini enye iyekamakazi enye iyeyethu singabantwana.

Ubomi baqalisa ukuba nzima kum kuba izinto zenza amaqalelo okutshintsha xa ndandisenza iBanga lesiHlanu esikolweni, umakazi kwakunye nabantwana bakhe baqalisa ukutshintsha impatho yabo kum, ndabe sele ndityhilelwe ukuba lo ngumona nje qha, kuba babendibona nyaka nonyaka ndidlulela kwibanga elingaphambili. Kwaba nzima ukuba mandinikwe izinto zesikolo endizicelayo. Ndayibukela ke le nto kodwa kwanzima ukuba mandiziphendule kuba ndandizibuza kwanemibuzo. Wandixelela umakazi ukuba ndifuna ukuya esikolweni mandiwushiye owakhe umzi kuba luxanduva lwam ukuba mandijonge imfuyo kwanokugaba egadini.

Bonke abakhe abantwana baqhubekeka ngemfundo; izihlangu, iihempe, iibhulukhwe zazisaphilile, xeshikweni eyam ibhulukhwe yayigqabhukhe amadolo kwanehempe ikrazuke imikhono bubudala. Kwaba nzima kum ukuba mandifunde ndibe namaphupha njengomfundi enqwenela ukuba yinto ethile. Umakazi waqala ngokukhohlisa ngokungathi uza kundiphatha ngohlobo aphethe ngalo abakhe abantwana, kodwa ekuhambeni kwexesha wavela ukuba uyakhohlisa undiqaba intshongo nje emehlweni uthi lala gusha ndikuchebe.

Ndacinga ukuba mandimke ndiyokuzifunela umsebenzi wokuba ndifumane imali ndizokuqhubekeka phambili nezifundo zam, kuba ndandiziqinisa ngelithi ekunyamezeleni ukhona umvuzo koko uThixo akaphi ngasandla unceda ozincedayo, ngelo ithuba ndandineminyaka elishumi linesithandathu. Ndibhadule kwezo ndonga ndisiya kwifama yebhulu elaziwayo uvan Hozen owayenefama yeenkomo kwanamasimi. Ndasebenza nzima ndiqhuba iteyitala ndisenga neenkomo. Ndazisola ngelithi inene ukungahlali nabazali bakho yintlungu, ukhuseleko alukho kuwe kwanamaphupha akho kunzima ukuba afezekiseke. Ndalibala kwaphela ngemfundo kuba imizamo yam yawa phantsi kwaphela, amaphupha am zange afezekiseke, ndaba ngumsebenzi wenqanaba eliphantsi kwezo fama ngoku ndisebenzela ibhotolo nobisi kwakunye nesonka kuphela, ukuba ndilale ndityile.

UQABUKE SEKOPHULWE


“Inene hazi ukuba ubomi bumnandi” uvakele esitsho unyana kaGambu uZola xa wayegqiba kuhlamba ezijonge esipilini. UZola ngummi waphaya eSite C kwilokishi yaseKhayelitsha. Waziwa kakhulu urheme yiKhayelitsha iphela. Eyona nto abalasele ngayo neyona wathi waziwa ngayo kukuthanda abokupheka. Kuye bafana nje nezikhuseli zengqele ezinyaweni , uyabatshintshatshintsha, ubakhupha ebafaka. Uye wanconywa ke unkabi zizihlobo zakhe zimbuza ukuba wenza ngantoni na njengokuba ingathi ufika kwa aba bantu sele kukudala bemjongile nje. Ubaxelele ukuba sisiphiwo sakhe awathi waba nethamsanqa laso. Izihlobo zakhe zambonga zimthutha ngale ntlahla yakhe de zamnika igama lokuba nguMancula, kuba ufana nje nefolokhwe ehlaba ibeke. Into eyayimthethelela ke urheme bubuhle bakhe kuba wayecikiziwe kwanesinxibo sakhe sasisoloko sikhethekile kwizihlobo zakhe ngobuhle baso, kuba yayingathi usoloko ethenga iimpahla ezintsha ngalo lonke ixesha abonwa ngalo endleleni. Matyendyanekazi afikayo ekuhlaleni ebephantsi kolawulo lwakhe kuba nobuciko wayebuphiwe. Mantokazi ebethi ukubaza kwawo iso kuye aphulukane nolawulo kukungakwazi ukuzibamba. UGambu ubengabizwa angasabeli, uthi akubaza iso kuloo ntokazi aphawule ukuba iphulukene nolawulo angabi sawenza made. Ubezitsholololo ngoko nangoko, ubekhupha nje amagama amabini, amathathu akhabele ezipalini.

Ugqugqisile unkabi wayibetha wayivala iKhayelitsha kanti ngalo lonke elo xesha akaxhobi. Waqala ngoku wabhitya. Kodwa kowabo ayathathelwa ngqalelo le nto kuba kucingwa ukuba ikho into emkhathazileyo koku kurhaqaza kwakhe. UMaMpinga, unina kwaba nzima ukuyinyamezela le nto, wambuza kodwa nkqi ukuphendula. Wacela utata wakhe ukuba bambalekisele kwisibhedlele saseKhayelitsha apho wafika waxilongwa, watsalwa negazi. Ugqirha uzichazile iziphumo zegazi esithi uhlaselwe sisifo sengculazi kwaye sesimondele. Kwaqala ngoku kwanzima kurheme ecinga iimini zakhe sele esithi ubomi bumnandi kodwa bufuna ukuhlakanitshelwa. Izinongo zomhlaba ziyamenza umntu.

Ukuba wayexhoba wayenokuba ngulewu wanaphakade nto nje wabethwa ngamazwi amatyendyanekazi akhe kuba athi awafuna kuxhotyelwa, ukuxhotyelwa akubonakalisi luthando. Yintlungu egubungele eli lizwe lethu lena.

INKOHLAKALO IHLINZA INTLIZIYO

Kumzi wakwaBhayi kuhlala uNdopho nowakwakhe uMaMiya waseCofimvaba kuMathole anyile ilali, uNdopho yena usinqa sakhe siseLady Frere kuBengu. Bahlala eSite C eKhayelitsha kwenye indawo yezixekwana ezincinci kwalapha eKapa. Banabantwana abathathu omnye kubo yintombi. Bafunda kwisikolo samabanga aphantsi eVuselela. UNdopho wayenonyana wakhe awayemshiye ekhaya xeshikweni wayemfumene ehambisana nentokazi yakwaMpinga. Wathi evela emsebenzini umqolo udiniwe wafumana incwadi eyayibhalwe ngunyana wakhe kwinkosikazi yakhe, loo ncwadi yayisele ivuliwe kuba yafika endlwini kukho umkakhe ngenxa yentliziyo yomfazi ukuba ncinci wasuka wayivula. Uthe akufunda loo ncwadi wangathi uyambona unyana wakhe xeshikweni wayemshiye ekhaya esahamba ngamadolo. Uqondile ukuba le nto akasenokwazi ukuyifihla ngcono nomkakhe amazise njengoko nencwadi yayisele ivuliwe kucaca nje ukuba uyifundile. Ebusuku xa beza kulala umxelele umkakhe ngale nto kodwa umkakhe akayikhabela kude wathi akunani kungcono xa ezichazile angeza. Wabhala incwadi yempendulo kunyana ngokuba wamkelekile nanini na bohlala bemjongile. Unyana wawathakazelela loo mazwi waza akabi saphozisa maseko kwangoko walungisa. Uzokugaleleka ngentseni yangecawa sele kukudala elindelwe. Ufike wathakazelelwa ngabantwana kwanonina wabo nangona utata wakhe wayengekho esemsebenzini, wayesebenza kwinkampani yakwaM&R eWaterfront edokisini. Ufikile uyise evela emsebenzini wangena nje wathi akuphosa iso wathi gqi ngonyana wakhe wabe sele emwola emanga, esithi, “Tyhini! Ndithe nqa namhlanje ndozele kangaka nje emsebenzini kanti amehlo am aza kubona wena.”

Uhleli uKwanele kumnandi konwatyiwe ebukele noomabonakude awayengabaqhelanga ezilalini, sele enqwenela nezinye izinto kuba uthe akuxelelwa nguNomzamo wanomdla weendawo ezithile awayebaliselwa ngazo. UNomzamo umthembise ngento yokuba funeka bacele imali kutata wabo ukwenzela azokumbonisa idolophu yaseKapa kwanendawo exatyiswe kakhulu ngabakhenkethi iNtaba yeTafile. Bamcenga utata wabo kodwa naye waba nomdla nto nje wathi uza kuchanwa ngumsebenzi. Bayile apho konwatywa kudlalwa noomatshini bemali. Bathe xa bebuya uKwanele zange aphinde awuvale umlomo ebhasini. Ubalisele uyise ekhaya ngako konke akubona edolophini. Kude kwalalwa uKwanele esathetha le nto inye.

Ngentseni ooNomzamo bavukele esikolweni wabe yena eshiyeke yedwa endlwini. Uqoqoshile endlwini walungisa watshayela indlu yabetha umoya. Kuthe ngexesha lokuphuma kwesikolo bagaleleka ooNomzamo. UNokulunga ufike wabuza ukuba ukutya kwakhe oku ebekushiyile kutyiwe ngubani na. Umxelele yena ukuba ukutya bekusele kumuncu kungenakutyiwa ngumntu waza wakuchitha kuba efuna ukuhlamba izitya. Kuxanjuliswene apho kwayiloo nto, uNokulunga efuna ukutya kwakhe. UKwanele ubonile ukuba ngathi ngoku le nto ayenzileyo uzinqikele ilitye elinobugqwangu kuba uNokulunga ihashe lakhe liphala engalibambanga. Uye wamohlwaya ngenxa yomsindo, kodwa uNokulunga uqubule ikomityi eyayisecaleni kwakhe watsho kuKwanele kodwa ngelishwa wamphosa yatsho eludongeni yasala iziingceba. Unina ungene xa inguloo mbhodamo akabi sabuza wathukisela ngomncanywa ozokungcungcuthekisa abantwana bakhe. Ufikile uyise evela emsebenzini wayixelelwa le nto. Into ayenzileyo ubize abantwana wabayalela ukuba omncinci makathobele omdala, omdala athobele omncinci. Emva kwaloo mazwi kwaba ngathi kugqityiwe kodwa uKwanele zange aphinde onwabe. Qho utata wakhe xa esemsebenzini wayethukwa alandwe ngobunto bakhe. Uphile ubomi bentshontsho esoloko ekhedamile exela inkukhu ebiliselwa amanzi ashushu, kuba ilindelwe ukuxhelwa. Yamkhathaza le nto uKwanele de yamtshintsha nengqondo wacinga izinto ngezinto ezibuhlungu. Ekucingeni kwakhe ayikho into ayifumeneyo ngaphandle kokuba ancame ubomi bakhe kuba oyena mqobo kule ndlu wayesithi nguye. Ubhaqwe ezixhome kwindlu umama wakhe awayethengisela kuyo inyama kodwa engekasweleki esarhoxoza, wabalekiselwa kwisibhedlele saseKhayelitsha apho yathi imeko yakhe yancumisa. Ekuphumeni kwakhe esibhedlele utata wakhe akakhange aphinde onwabe kuba waqonda ukuba nantoni na ingenzeka.

Uhleli kowabo uKwanele kodwa ukuphangela kukatata wakhe bamphinde ngokumthuka besithi akwaba ebefile. Kwaba nzima kuye ukuphila obu bomi. Uthe xa esiya ngasese wahlangana nommelwane wakhe, wambuza ukuba akanazo na iipilisi zokuthi xa umntu ezisele angavuki, walandula umeza kodwa la mazwi zange awathathele ngqalelo, kuba ecinga ukuba uyadlala. Uzifumene uKwanele ezo pilisi kuba itshoba liye lalala umbethe ngokuthi alale angavuki zaze iziphumo zikagqirha zabhaqa ubungozi beepilisi.

Unina uqale wangcungcutheka xa kulapho. Yaqala ngoku inimba yasika, kodwa umntwana wabe sele eyile kwantsonganyawana. Wabhitya ngesiquphe wasiwa esibhedlele kwafunyanwa ukuba ukhathazwa sisifo sentliziyo. Ngentseni yangoLwesithathu uvakele umbiko wokuba uMaMiya uyikhabile ibhekile. Hayi usizi olwalulapho.

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.