Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
PoŽsie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President

HLEZE ZITSH‘ IZICHEKU

Simion Nkanunu

ndibon‘ amagorha exeshana aqhathan‘ ezingqaqeni
amagorha obumnyama
amagorha okulityalwa
zandla zinentsente, ziqhel‘ igazi

abanabuso
iindlebe zixhonyw‘ esibhakabhakeni
bakhokelwa ligqange lomlilo kwiingqondo zokulibala
izazi zokungazi

iziqololwana zezinqininqini ziqwenga ziqukuqela
unqweme kuzo luzalwa yinqwelo yokugoduka
oohodoshe bamahobohobo ngengqiqo
oohodoshe abajinga phezu kwezidumbu bengenanceba nakolukhasayo

bahlwile, bahlwayelwe phezu kweli gada
bahlobene ngegazi bande ngobutshijolo
ziinkedama, abahlolo nabahlolokazi, umlisela nomthinjana ukrozo
ukukhwel‘ iinqwelo zokugoduka bahlatyaniselwe zezi zivutha mlilo

banxilwe zizijwili
banxilwe bubukhoboka
basenza amakhoboka
kulo mhlaba woobawo

nto ngathi ngezingazalwanga
zisisanyele kwisidima somntu
abazi lwimi
ngenene abazi mntu

iingoma zokuzingca
gqwa! gqwa! gqwa! gqwa!
yho! yho! yhu!
itshu! ng-ngwe-e-e!

basinqunqe iinzwane
basithena singazelele
basidlwengula de basifinca ukusimfimfith‘ ubomi
sixhwaleke, siqhwantile siqhwaleliswa zizivubeko

nazixel‘ isithundu ekoyini
ngqondo ngathi ligwebu lotywala
bafuz‘ amagez‘ entambo
umzal‘ uth‘ uzal‘ umntu kant‘ uzal‘ umtyholi ngokwakhe

banxilwe ngamaphupha
baphilela amaphupha
baliphupha elibi eluntwini
bazizazi zokungazi, bafile,

mabatye namayuku ezinja ezithungululayo
bazizilwanyana, izihange zezihelegu
ntliziyo zibolile

yimigqakhwe
ekudlwengul‘ oonina noodade wayo
bahlwempuzekile ngokomnombo
baphalele ngokwengqondo

mabalaliswe nezinja ezinebhula balihlazo
basengisen‘ iidonki bayimishologu
bagcagca nemikhovu, mabakhafulwe
banxibisen‘ iimfele zeenyoka ngamarhamncwa

balilishwa kozelw‘ ebona
balinyala kowazi ubuntu
abazali babo ababazele nto, de bazisola ngokuzala onongengazalwanga
bayabatshicela bebahluba esidlangalaleni

bazali lwakuqola luwis‘ iintlanti
lubalek‘ idyokhwe, kuba selumazinyo yintarhantarha
lwadlalel‘ eziko lophule
hleze amafu abe ziingqimba eziza nenkqwithelo

lumla hleze lube namaqhinga nokuba sele ufak‘ ukrakrayo
bangul‘ ulwamvila hleze lophuke ungabi nakulubangula
kuba kambe seluneentsinga
lucheba iindevu ngefotsho-o-olo

nqanda hleze lubhodl‘ imbarha
lwakukhula ngengodlo uzakugedl‘ elurhexeni
lugqogq‘ iindlebe lungekabi namajingxeba
wokothuka sele kophulwe ugxwabh‘ emalahleni, ndiye mna ndityiwa zezam

About the poem:
Nkanunu‘s poem is a warning against the opportunists who use the prevailing situation in South Africa, where everyone is busy rebuilding the country, for their own selfish gains. The poem represents a general warning and is not directed at any particular person or party.


phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieŽl nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ín onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.