Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
Poësie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President
This folktale was told by Mantombi during a recording session in KwaQili, Matatiele. She was a housewife and her husband was living with her and he was jobless. The story is about a woman who was hoeing in the fields. Her baby was sleeping in the long grass. When she sat down to feed the baby, the baby had disappeared. She went home without her baby. Fearing what her husband could do, she carried a stone on her back under the blanket, and when the husband asked to see the baby, she said the baby was still sleeping. So the baby “slept” all afternoon until the husband gave up and went to sleep. At night she prepared some food, made it into little balls and took these with her as she went out. On her way she came across a group of baboons, threw one of the food balls and sang, asking if the baboons had seen anyone carrying a baby. The baboons replied by singing back, “No, we haven’t seen anyone.” So she went on from one group of baboons to another until she reached one last group. She threw a ball of food and they all ran after it, exposing the sleeping baby. She took her baby and ran before the baboons could return.

Intsomi yomfazi nemfene

Mantombi Sisilana

Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho umfazi owayeye emasimini eyohlakula, ephethe umntwana wakhe. Wafika emasimini umntwana wamlalisa. Wahlakulo, wahlakula, wahlakula. Wabuye wahamba waya kumuncisa umntwana. Wabuya waphinda wa kuhlakula. Wahlakula, wahlakula. Wabuye waphinda wathi makaye kumuncisa umntwana. Wabuye waphinda waya kuhlakula. Wahlakula, wahlakula. Wabuye waphinda wathi makayomuncisa umntwana. Wafika umntwana engekho. Walahla ikhuba. Wahamba wagoduka. Ekugodukeni kwakhe wacinga ukuba indoda iza kufika imbuze ukuba uphi umntwana. Wathatha ilitye walibeleka. Wahamba nalo. Waya kufika ekhaya. Yathi indoda, “Khawuvez’ umntwana ndimbone.” Wathi, “Hayi umntwana ulele.” Kwahlaleka, kwahlaleka umntwana elele, “Awu, lo mntwana akavuki na?”
“Hayi, usalele.” Yaya kulala indoda.

Uthe indoda yakuba ilele lo mfazi wahamba waya endlwini. Wafika wenza iimbulunga. Waziqengqa iimbulunga, waziqengqa iimbulunga, waziqengqa iimbulunga. Wazifaka esirudwini. Wabona ukuba le ndoda iza kuda iziyele emntwaneni. Wahamba Uhambe, wahamba, wahamba, wahamba waya kufika kokwabomfene. Waphosa iimbulunga Wathi,

         Mfene, Mfene!
         Mfene, Mfene!
         Mfen’ ezintle!
         Mfen’ ezintle!
         Animbonang’ umnt’ ophethe umntwana?
         O, ndiyabona.

Zathi iimfene,

         Hay’ asimbonanga,
         Hay’ asimbonanga.
         Gqithela phambili.

Wahamba lo mama, ethwele iimbulunga. Wafika kwelinye iqela leemfene, wathi,

         Mfene, Mfene!
         Mfene, Mfene!
         Mfen’ ezintle!
         Mfen’ ezintle!
         Animbonang’ umnt’ ophethe umntwana?
         O, ndiyabona.

Zathi iimfene,

         Hay’ asimbonanga,
         Hay’ asimbonanga.
         Gqithela phambili.

Waphosa imbulunga. Zabaleka iimfene zaleqa imbulunga. Wambona umntwana elalisiwe! Wamthatha, lo mama umntwana wakhe. Wahamba, wabaleka naye. Wabaleka. Zathi ziyabuya iimfene zafika sezingasamboni. Wagoduka enovuyo olukhulu. Phela phela ngantsomi.

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieël nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.