Isikhundla Sababhalialt - Indawo yokulondoloza izinto ezibalulekileyo
Tuis /
Home
Briewe /
Letters
Kennisgewings /
Notices
Skakels /
Links
Nuus /
News
Fiksie /
Fiction
PoŽsie /
Poetry
Taaldebat /
Language debate
Opiniestukke /
Essays
Boeke /
Books
Film /
Film
Teater /
Theatre
Musiek /
Music
Slypskole /
Workshops
Opvoedkunde /
Education
Artikels /
Features
Visueel /
Visual
Expatliteratuur /
Expat literature
Gayliteratuur /
Gay literature
Xhosa
Zulu
Nederlands /
Dutch
Rubrieke /
Columns
Geestelike literatuur /
Religious literature
Hygliteratuur /
Erotic literature
Sport
Wie is ons? /
More on LitNet
LitNet is ’n onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.

Arts & Culture Trust of the President
A poem about the 2006 world cup

Eyethu i2006 / Ke ya rona

Isaac Ntabankulu

Besifudula siyibanga
De kwafika imini engumahluleli
Umhla wesithandathu kweyeKhala
Umhla wokupheliswa kwamathemba
Okubamba itheko lwebhola ekhatywayo

Bekujijiswana ngalo yiAfrika neYurophu
Bekukhutshwe oompondo zihlanjiwe
Baveza konke esinako
Bawuthath’umjikelo wokuqala nowesibini
Yavela iJamani kowesithathu
Wakha phantsi uMzantsi Afrika isitya sizele

Ingathi iseludabi olunzima
Oluphakathi komkhonto nemfakadolo
Luliwa kamnandi kuncunyiwe
Vuka Afrika ucel’umngeni
Mabazive izingqi zakho
Mabawuve umgqumo wakho
Ushiye isiNgesi nesiFrentshi
Ungazenzi isikhwenene ngokungathi awunamgqumo

Sisoloko sixhalele ukuviwa ke khona
Suka mangasiva noko sibalungiselela
Bacinga ukuba iAfrika yafa
Kwashiyeka usinga Afrika
Ukuba iYurophu ifumene naye ufumene
Nanjengethole elisonyiselelwayo kumathole aseYurophu

Iphumelele iJamani yabulela ngesiJamani
Zavakala indaba ekhaya kwakubi
Wothuka umzi wahlamba ngenyembezi
Yothuka iranti yabuthisa
Wothuka okaPollock walibala ukhusela izinti

Zivuleni izandla samkele la magorha
Alwile umkhonto ugobile
Alwile ikhaka lidlaka-dlaka
Adiniwe ayashixiza ukunyathela
Umkhonto wohlulwe yimfakadolo
Noxa kunjalo asinakwahlukana nawo
Mhla sahlukana nawo kuphelile okwethu
Inene kungashiyeka abangqibi banaphakade

Qinani magorha iqashiso alikapheli
Mhla naphinda niwuphathe umkhonto nekhaka
Mhla naphinda zenicule uNkosi sikelela noDie Stem
Ikhona imibhobho bazakuniva
Nizakuhlala nideliwe ukuba anenzi njalo
Bathi iAfrika ayisekho kukho usinga Afrika
Bangaqondi ukuba isilo esikhulu sivukile

Zeningoyiki sisabelo sethu
Asinkinkqi sisabelo sethu
Asinkcazi sisabelo sethu
Asimelanga Brithani sizimele
Asimelanga Fransi sizimele
Asimelanga singa Afrika simel’iAfrika
Nenze njalo ke mabandl ‘akokwethu

phezulu


© Kopiereg in die ontwerp en inhoud van hierdie webruimte behoort aan LitNet, uitgesluit die kopiereg in bydraes wat berus by die outeurs wat sodanige bydraes verskaf. LitNet streef na die plasing van oorspronklike materiaal en na die oop en onbeperkte uitruil van idees en menings. Die menings van bydraers tot hierdie werftuiste is dus hul eie en weerspieŽl nie noodwendig die mening van die redaksie en bestuur van LitNet nie. LitNet kan ongelukkig ook nie waarborg dat hierdie diens ononderbroke of foutloos sal wees nie en gebruikers wat steun op inligting wat hier verskaf word, doen dit op hul eie risiko. Media24, M-Web, Ligitprops 3042 BK en die bestuur en redaksie van LitNet aanvaar derhalwe geen aanspreeklikheid vir enige regstreekse of onregstreekse verlies of skade wat uit sodanige bydraes of die verskaffing van hierdie diens spruit nie. LitNet is ín onafhanklike joernaal op die Internet, en word as gesamentlike onderneming deur Ligitprops 3042 BK en Media24 bedryf.